Ulawulo lwesikolo Uhlelo oluhlaziyiweyo 2003
Ukhetho lwamaQela aLawula isiKolo
UmNtla Koloni
Isikhokelo sokuseka amaQela aLawula isiKolo
Meyi 2003
Ukufumana olunye ulwazi nokufumana iikopi zale ncwadi qhagamshelana :
I-Ofisi: iinkonzo zokuxhasa izikolo
Ifeksi: 8396581
Ifeksi ( 053) 8396581
AbaPhathi boPhuhliso loLuntu:
ISebe leMfundo lomNtla Koloni
Zonke iinzame zenziwe ukuqinisekisa ukuba le ncwadi ibe yechanekileyo. Ngokweenjongo zasemthethweni khhangela kumThetho weziKolo zoMzantsi Afrika we-1996 ( No. 84 ka-1996) kunye nakuMthetho wezZilungiso zoMthetho weMfundo, we-1999 nakwimimiselo nezilungiso kwimimiselo ngokunxulumene namaqela alawulayo kwizikolo zikawonke-wonke ngokuphathelele kumThetho weMfundo wasemNtla Koloni.
Ulawulo lwesikolo
Ukhetho lwamaQela aLawula isiKolo
Isikhokelo sokuseka amaQela aLawula isiKolo
Uhlelo oluhlaziyiweyo
Ikhutshwe liSebe leMfundo loMntla Koloni
Iziqulatho
INTSHAYELELO
Isidingo solawulo lwesikolo
UmThetho weziKolo zoMzantsi Afrika
Imvelaphi
UmGaqo-siSeko woMzantsi Afrika omtsha
Inguqulelo yedemokrasi esikolweni zethu
Ukuthatha inxaxheba kwabemi
Malunga nale ncwadi yokuqeqesha
Ngubani ekufuneka eyisebenzisile le ncwadi?
Indlela yokusebenzisa le ncwadi
Ukucacisa injongo yamaqela alawula isikolo
Ngubani olungiselela unyulo?
Yintoni imisebenzi yomPhathi woNyulo?
Ngubani onelungelo lokuvota?
Zingaphi izihlalo ekufuneka zabiwe?
Ingaba kufuneka unyulo lulungiselelwe njani?
Kufuneka lwenziwe kangaphi uNyulo lweQela eliLawula isiKolo?
Ahlangana nini okokuqala amaqela olawulo amatsha anyuliweyo?
ICANDELO LOKUQALA:Injongo, umsebenzi nobulungu beSGB
Yintoni iqela elilawulayo?
Enza ntoni amaqela alawulayo?
Ngubani ongaba ngumlawuli wesikolo?
Lide kangakanani ixesha ubani elilungu leqela elilawulayo?
Ngubani oba kwiqela elilawula isikolo?
Bugqitywa njani ubukhulu beqela elilawulayo?
Izikolo zamabanga aphantsi
Izikolo zamabanga aphakamileyo
Izikolo ezibanzi nezihlangeneyo
Ubulungu beqela elilawulayo kwizikolo zikawonke-wonke kubafundi abanezidingo zemfundo ethile
AmaBhunga amele abaFundi
Yintoni imisebenzi neemfanelo zeqela elilawula isikolo?
Umgaqo wesikolo
Ukuphuhlisa isikolo
Ukulawula isikolo
Ukukhupha imali yesikolo
Ingaba ikhona eminye imisebenzi eyimfanelo yeqela elilawulayo?
Ukwabiwa kwemisebenzi
Izicwangciso zenguqulelo
Kungxamiseke kangakanani ukuba iqela elilawulayo lingaqalisa ukusebenza?
Iqela elilawulayo lisebenza njani kude libe lonyulwe ngokufanelekileyo?
Ukurhoxisa imisebenzi kwiqela elilawulayo
Iintlanganiso zamaqela alawulayo
Amaqela alawulayo azenza njani izigqibo?
Zeziphi izithuba ekufuneka zigcwaliswe kwiqela elilawulayo?
Kufuneka banyulwe nini abaphathi be-ofisi?
Lixesha elingakanani ubani ekwi-ofisi yeqela elilawulayo?
Yintoni imisebenzi wabo banezikhundla kwi-ofisi yeqela elilawula isikolo?
USihlalo
UNobhala
UNondyebo
Zeziphi iikomiti ekufuneka zenziwe liqela elilawulayo?
ICANDELO LESIBINI: UKONYULWA KWAMALUNGU ESGB
Ithini inkqubo yokonyula abalawuli besikolo?
Ukufumaneka kwerejista yesikolo
Inkqubo yokumiswa
Inkqubo yonyulo
Emva konyulo
Inkqubo yokumiswa
Kufuneka enze ntoni umphathi wonyulo
Imithetho yokumiswa kwabazali
Indlela abazali abangamiselwa ngayo
Kwenzeka ntoni xa ukumiswa kuvaliwe?
Kwenzeka ntoni kwintlanganiso yonyulo?
Kwenzeka ntoni emva konyulo?
Imithetho yokumiswa kwamalungu angootitshala
ICANDELO LESITHATHU: IZIKHOKELO EZISEBENZAYO ZOKUBAMBA UNYULO
Uluhlu lweefomu
Unyulo lwamalungu angootitshala
Unyulo lwamalungu angabazali
Ukugcina iirekhodi
Uluhlu lokukhangelwa ngumPhathi woNyulo lweentlanganiso zokumiswa nkonyulwa
Ifomu B1 ( ishedyuli E)
Uluhlu olukhangelwa kwidayari
Iifomu-E 1-3
Iifomu P1-5
Iifomu B 2-7
Inkcazelo yesigama ... ngaphakathi kwiphepha lokugqibela
Isingeniso
Lo nyaka wasiza elinye ithuba labantu bephondo lethu nesizwe ukuqinisa ulawulwa lwezikolo ngentando yesininzi. Ukuqalela kukhetho lokuqala lweQela aLawula iziKolo ngowe-1997siqalise ukubona imbonakalo yolawulo ngentando yesininzi egubungele zonke iingqiqo zezixokelelwano zezikolo zethu. Ukuza kuthi ga ngoku zonke izikolo zethu zinamaQela okuLawulo lwesiKolo ezilawulwa ngentando yesininzi nabantu abanomdla abaxhasa inkqubela-phambili basebenza nzima ukuqinisekisa ukuba izikolo zethu ziba ngamaziko anentsingiselo kubomi boluntu.
Ulawulo ngentando yesininzi kwezikolo kwenza ukuba abantu babe ngabenzeli bempumelelo yezikolo zethu. Ukuthabatha inxaxheba kwakho kusikhuthazile kwimizamo yethu. Iimpawu zesikolo njengeziko lokuphuhlisa uluntu kukwenza iNkqubo yokuKhuseleko yokuTya kwesiKolo - eyinxalenye yothungelwano lokhuseleko lwentlalo olubanzi lukarhulumente. Izikolo zingamaziko oyilo lukarhulumente okuphelisa ubuhlwempu ukuqinisekisa ukuba akukho namnye umfundi ofunda elambile kungekho nto esiswini. Njengoko sisebenza singadinwa kukuqinisekisa ukuba umgangatho wokwenziwayo kwisixokelelwano sethu semfundo kungenxa yamaQela alawula ziKolo ezenze ukuba iNkqubo yokuKhuseleko yokuTya kwesiKolo - ibe iqaliseile. Abazali , abafundisi-ntsapho kunye anbantwana babe ngababini basei siqalo sibalulekileyo ukunika ukhuseloko lokutya kubantu ngokuzibandakanya kiigadi zokutya zezikolo.
Inkqubo yethi yokufakele iikhompyutha kuzo zonke izikolo zethu sesinye senyathelo elakhayo kuphuhliso lwezikolo njengamaziko obomi boluntyu kwaye sijonge kwakho ukuba amaqela alawula iziKolo enze olu qaliso lube yimpumelelo.
Ndinelungelo elilodwa lokongamela nokugqina inguqulelo yemfundo emNtla Koloni kwaye ndikugqinile ukuthabatha inxaxheba kolowulo lwentando yesininzi ezikolweni zethu, enye yezi ziphumo kukusekwa kwamaQela okuLawulwa kweziKolo ngentando yesininzi nangokuzimela. Oku kunqunisekisa ukuba abantu bethu baya kuthatha inxaxheba kunyulo oluzayo ngoJuni ngowe-2003 ekuvoteleni amaQela alawula iziKolo aya kuhlonipha amalungelo abantwana nawabazli njengabathathi nxaxheba kwisixokelelwano setghu sesikolo. Kwinyaka ezayo ndithemba ukuba ndakubona uhlanganiso olululo lwezikolo zethu ngokudibeneyo ngokwebala! Ukuthatha inxaxheba yakho njengomzali okhtheleyo okanye umfundi kubalulekile kwaye kunzulu kulawulo lwesikolo ngokwentando yesininzi.
Unyulo kweQela aLawula isiKolo lusinika kwakho ithuba njengoluntu ukuba sithi sinelunda ngezikolo zethu kwaye asisayi kuvuma ukuba zibe zizigqubu zezihange nezikrelemqa abao bambalwa bazimisele ukuzenza!. Kufuneka kwakho sixhase imfundo efuna ukuqinisa indawo yomntwana oyintombaza kuluntu. Ngokucacileyo iiNkceazelo zeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo ithetha ngokuxabiseka endibuvakalise kwesi singeniso kwaye bunentsingiselo kwikharityhulamu yesikolo zoMzantsi Afrika.
Ukhetho lweQela aLawula isiKolo limele undonqo wemfanelo yoluntu nabantu abasebenza ngokuhlangeneyo ukufumana imigangatho ephezulu yokuphumelela nokuphuhlisa abantu. Votela iQela aLawula isiKolo uze ube ngumenzeli wengquko kunye nokuqinisa idemokrasi!
INTSHAYELELO
Isidingo solawulo lwesikolo
Ukuphumelelisa idemokrasi eMzantsi Afrika sibhekiselele kwimbali yesixokelelwano semfundo yamandulo eyayisekwe kukungalingani ngokobuhlanga nangokwahlukwaniswa.
Sidinga isixokelelwano esitsha sesizwe ezikolweni zethu esinika umgangatho ophezulu wemfundo kwaye oseka isiseko sokuphuhlisa zonke iziphiwo nobuchule babantu.
qhubela phambili inguqulelo yedemakrasi kuluntu lwethu;
phelisa ubuhlanga nesini ngandlela zonke zocalucalulo olungenabulungisa nonyamezelo;
khusela kwaye iphuhlise iinkcubeko ezahlukeneyo neelwimi.
Sidinga isixokelelwano esitsha sesizwe ezikolweni zethu esixhasa amalungelo abafundi bonke, awabazali nawabafundisi-ntsapho kwaye aya kukhuthaza ulwamkelo lwemfanelo yokulungiselela, yokulawula nokuxhasa ngemali izikolo kulwahlulewano noRhulumente.
Kubalulekile ke ngoko ukuba simisele imimiselo nemigangatho yemfundo aybafundi abasesikolweni kwaye simisele imimiselo nemigangatho yokulungiselela, yokulawula nokuxhasa ngemali izikolo . Le mimiselo nemgangatho isebenza kuzo zonke izikolo kwiRiphabliki yoMzantsi Afrika.
UMthetho eziKolo zoMzantsi Afrika unika isixokelelwano esifanayo sokulungiselela, sokulawula nesokuxhasa ngemali izikolo*.
UmThetho weziKolo zoMzantsi Afrika
UmThetho weziKolo zoMzantsi Afrika unika amagunya athile neemfanelo amaqela alawulayo. Imbali yocalucululo ende yoMzantsi Afrika nocalulo ibe neziphumo zokungalingani ezikolweni nezixokelelwano zemfundo ezicalulayo. UMgaqo-siSeko woMzantsi Afrika wamkela ukuba wonke ubani unelungelo kwimfundo esisiseko. Urhulumente ungaphumeza imithetho emitsha ukuqinisekisa eli lungelo lisisiseko kwimfundo nokuyila imeko yokuguqula imfundo. Ukuphumelelisa umthetho nokwenza umgaqo omtsha azisayi kuyiguqula imfundo ngokwazo.
Ukuzalisekiswa nokusebenzisa le mithetho mitsha kuphumelelise ukunyusa umgangatho wemfundo. Abazali, abafundi, ootitshala namalungu oluntu lwesikolo babe yinxalenye ekuguquleni imfundo ezikolweni zabo kwaye banendima ebalulekileyo abayidlalayo.
UmThetho weziKolo zoMzantsi Afrika ufuna ukuba esinye nesinye isikolo sikawonke-wonke siseke iqela aLawula elimele uluntu lwesikolo. UMthetho umisela amagunya nemisebenzi yamaqela alawulayo.
Imvelaphi
Malunga nale ncwadi yokuqeqesha
Le ncwadi yokuqeqesha icacisa iinkqubo zokonyula amalungu amaqela alawula isikolo kwizikolo zikawonke-wonke.
Isekelwe kwimimiselo yasemNtla Koloni enxulumene namaqela alawula izikolo zikawonke-wonke kumThetho weMfundo weziKolo ( No 6 we-1996) okwabizwa ngokuba yiMimiselo yokuLawula enxulumene neziKolo zikawonke-wonke kwaye kumThetho weziKolo zoMzantsi Afrika we-1996 nomThetho wesiLungiso semiThetho yeMfundo, we-1999.
Ayiqulathanga zonke iingqiqo zomThetho weziKolo zoMzantsi Afrika ibhekiselele kuphela kwizibonelelo zalo mThetho enxulumene nokonyulwa kwamaqela alawula isikolo kwizikolo zikawonke-wonke.
Ngubani ekufuneka eyisebenzisile le ncwadi?
Le ncwadi yokuqeqesha yenzelwe ukusetyenziswa ngabaPhathi boNyulo abonyulwe liSebe leMfundo lasemNtla Koloni kunye nabanye ababandakanyeka ekulungiseleni unyulo lwamaqela alawula izikolo.
AbaPhathi boNyulo banoxanduva lokulungiselela nokwenza unyulo lwamalungu eqela aLawula isikolo kwizikolo zabo ezalathiweyo.
Indlela yokusebenzisa le ncwadi
Phambi kokuba ulungelelanise kwaye ubambe unyulo lwamalungu amaqela alawula izikolo kubalulekile ukuba uyiqonde kakuhle le ncwadi kwaye ube nakho ukusebenzisa imimiselo elawula ukusekwa kwamaqela alawula isikolo. Oku kumiselwe kwiCandelo lokuQala nakwiCandelo lesiBini.
Xa uluqhelile ulwazi uya kuba nakho ukusebenzisa izikhokelo zokwenza ezimiselwe kwiCandelo lesiThathu ukulungiselela nokubamba unyulo kwisikolo sakho esalathiweyo ngokuthabathekisayo nangempumelelo.
Ukucacisa injongo yamaqela alawula isikolo
Ngumsebenzi wabaPhathi boNyulo ukutsalela ingqalelo yabavoti kwizibonelelo zomThetho weziKolo zoMzantsi Afrika nakwizibonelelo nezilungiso zomThetho weMfundo weziKolo zasemNtla Koloni, we-1996. UmPhathi woNyulo unoxanduva lwemfundo yovoto- kufuneka axelele abafundi, abafundisi-ntsapho abangengabo abaqeqeshi nabazali ngokuba kutheni kuvotelwa amaqela alawula isikolo kwaye iya kuba yintoni imisebenzi yabalawuli besikolo ukuze bakwazi ukwenza izigqibo ezifundisayo zokonyula.
Le ncwadi imisela ulwazi olubalulekileyo olufuneka lwaziwe luluntu lwesikolo.
Ngubani olungiselela unyulo?
INtloko yeSebe ( HOD) inyula abaphathi beSebe leMfundo lasemNtla Koloni ukuba balungiselele ukusekwa nokonyulwa kwamalungu amaqela okulawula isikolo ( r13)
UmPhathi woNyulo wePhondo owonyulwe yiHOD ulungelanisa imisebenzi yonyulo kwisithili ngasinye kwezine zePhondo lomNtla Koloni.
UmPhathi woNyulo weSithili wonyula umPhathi woNyulo/ abaPhathi boNyulo besikolo ngasinye ( r13). UmPhathi woNyulo angonyula igosa lesebe , umzali okanye umfundisi-ntsapho. UmPhathi woNyulo akanakonyulwa njengelungu leqela lokulawul;a isikolo apho angumPhthi wonyulo khona ( r13).
Umphathi wesithili uya kuxelela izikolo amagama abaPhathi boNyulo abanoxanduva lokulungiselela nokubamba unyulo.
Kwimeko yayo nayiphi impikiswano enxulumene nenkqubo yonyulo ngokuphthelele kwimimiselo umPhathi woNyulo wepHondo uya kuthatha isigqibo ( r13)
jonga iphepha lesi-7 imithetho yokuziphatha lwabaPhathi boNyulo
Jonga kwiphepha le-11 Ngubani onokuba ngumLawuli wesiKolo
Jonga kwiphepha le-15 Misela ubukhulu beqela lokulawula ishedyuli E neFomu B1 kwiphepha 45
Jonga kwiphepha 32 Inkqubo yokukhetha abalawuli
Yintoni imisebenzi yomPhathi woNyulo?
Umsebenzi womPhathi woNyulo kuNyulo lwamaQela aLawula isiKolo kukuqinisekisa iQela okuLawula isiKolo anyulwe ngokwedemokrasi. Ukwenza oku kufuneka umPhathi woNyulo alandele imigaqo ecaciswe kwimimiselo kwaye emiselwe kule ncwadi yokuqeqesha kwaye ayazi injongo, umsebenzi nobulungu bamaqela alawula isikolo.
Ngubani onelungelo lokuvota?
UmPhathi woNyulo kufuneka aqinisekise ukuba imithetho elawula ukumiswa nokonyulwa kwamalungu oluntu ngalunye olumelweyo alandelwe ngokufanelekileyo.akuwavumela ukuba abe kwiqela lolawulo
Njengoko siya kubona, amaqela okulawula isikolo enziwe
Ngamalungu anyuliweyo
Yinqununu yesikolo okanye isikhundla sakhe sobuchule
Abamkelwe njengamalungu
Amalungu anyuliweyo aqulathe: ( r13)
Abafundi esikolweni ( abeBanga lesi-8 nangaphezulu)
Ootitshala esikolweni
Abazali babantwana abasesikolweni
Amalungu anyuliweyo aqulathe iintlobo ezine zabameli. UmPhathi woNyulo kufuneka alungiselele kwaye abambe iinyulo ezine ezahlukeneyo lwelungu okanye ummeli wohlobo ngalunye kwamane. UmPhathi woNyulo kunye nomPhathi onguMxulumanisi woTitshala banoxanduva lokuqinisekisa unyulo lweSGB olunedemokrasi. Imithetho yokuziPhatha ikhokela ukuziphatha kwabo. Ngabazali bodwa abanokuvotela abazali, abafundi abafundi, ootitshala ootsitshala, isitafu esingafundisiyo sivotelwa sisitafu esingafundisiyo
Zingaphi izihlalo ekufuneka zabiwe?
UmPhathi woNyulo kufuneka asebenzise iFomu B 1 ekwiphepha lama-45 ukubala iindawo zohlobo ngalunye lwamalungu anyuliweyo ekufuneka ekwiqela lokulawula.
Inani lendawo lixhomekeke ukuba bangaphi abafundi ababhalise esikolweni nokukuba isikolo sinabo abafundi beBanga lesi-8 nangaphezulu.
Ingaba kufuneka unyulo lulungiselelwe njani?
UmPhathi woNyulo uya kuba noxanduva lwenkqubo yokonyula abalawuli besikolo ngokwemimiselo. Baya kulungiselela kwaye babambe iintalnganiso zokumiswa nezokonyulwa kokdidi ngalunye lwabavoti kuxhomekeke ekubeni bakhona abafundi beBanga lesi-8 okanye ngaphezulu. UmPhathi onguMxulumanisi woTitshala uya kulungiselela kwaye abambe iintlanganiso zokumiswa nokonyulwa zokusekwa kweBhunga eliMele abaFundi phambi kokuba abafundi banyulwe kqiela elilwaula isikolo.
Kufuneka lwenziwe kangaphi uNyulo lweQela eliLawula isiKolo?
Ixesha le-ofisi lamalungu eqela elilawulayo alinakuba ngaphezulu kweminyaka emithathu ngaphandle kwamalungu abafundi abanokuhlala unyaka omnye kuphela.
Unyulo jikelele labalawuli besikolo kufuneka ngoko lubanjwe qho kwiminyaka emithathu. Unyulo lwezithuba ezingalindelekanga lungabanjwa njengoko kuyimfuneko kulandelwa iinkqubo zokumiswa nokonyulwa ( jonga kwiphepha le-13). Ilungu leBhunga eliLawulayo lazise ixehsa lonyulo phakathi kukaMeyi noJuni. AbaPhathi boNyulo kufuneka babe noxanduva lokuqinisekisa ukuba inkqubo yonyulo iyagqityezelwa ngomhla owaziswe yiMEC.
Jonga kwiCandelo 3 Izikhokelo ezisebenzayo zokubamba unyulo.
Ahlangana nini okokuqala amaqela olawulo amatsha anyuliweyo?
Imithetho yokuziphatha
AbaPhathi noNyulo kunye nabaPhathi babaNxulumanisi booTitshala baya:
Kuziphatha ngokuthembeka nangobulungisa
Kuziphatha ngendlela engenamtsalane bucala
Kuziqhelanisa nemimiselo yonyulo
Kudibana ngendlela yentsebenziswano neNqununu yesikolo nomPhathu wesithili
Kucacisa iinkqubo zokumiswa nokunyulwa ngokucacileyo kubo bonke abathabathi nxaxheba
Kuqinisekisa ukuba zonke iifomu amaphepha okuvota nerejistari zikhona
Kulawula inkqubo yokuvota ngendlela ethembekileyo
Kumelana neenzima ezinokubakho ngendlela efanelekileyo nenobuchule kuchubeka kwaye baphendule imibuzo ngobuchule
Kubala amaphepha okuvota ngokuchanekileyo
Kusebenzisana nabaPhathi boNyulo nomPhathi woNyulo lweSithili
Abayi kudlula kwigunya eliphantsi kwalo mthetho
Izithili zemfundo zomNtla Koloni
UmNtla Koloni
ICANDELO LOKUQALA
Yintoni iqela lokulawula?
Iqela lolawulo liqela labantu elonyulwe ngokwasemthethweni ukuba lilawule isikolo. Abalawuli besikolo bamele uluntu lwesikolo. Umsebenzi wabo jikelele kukuncedisa iNqununu yesikolo ekulungiseleleni nasekulawuleni imisebenzi yesikolo ngokuthabathekisayo nangobuchule egameni loluntu lwesikolo nakukukhathalela ukulunga kwabafundi abasesikolweni.
Iqela elilawulayo lilindeleke ukuba lenze yonke imisebenzi lisenzela inzuzo yesikolo.
Bonke abalawuli besikolo kufuneka bayazi imisebenzi yabo kwaye bazi indlela le misebenzi enxulumene ngayo kwinqununu.
Xa abazali, abafundi, ootitshala kunye nesitafu esingafundisiyo esikolweni besazi indlela abalawuli besikolo abaya kusebenza ngayo baya kuba negalelo kukusebenza nakwintsingiselo yamaqela alawula isikolo.
Icandelo lokuqala lale ncwadi lithetha :
Yintoni injongo yeqela elilawula isikolo?
Abantu abangaba ngamalungu nabantu abangenakuba ngamalungu
Ubukhulu beqela elilawulayo
Ubude benkonzo
Yintoni imisebenzi neemfanelo zeqela elilawula isikolo?
Umgaqo wesikolo
Ukuphuhlisa isikolo
Intlanganiso yeqela elilawulayo
Ukulawula isikolo
Ukukhupha imali yesikolo
Imisebenzi eyabiweyo
Iqela elilawulayo lisebenza njani?
Phambi kokuba limiselwe ngokufanelekileyo
Indlela iqela elilawulayo elenza ngalo izigqibo
Indlela elenza ngalo iikomiti
Emva kokuba ufunde iCandelo lokuQala uya ku:
kwazi ukuba yintoni amaqela alawula iskolo kwazi indlela amaqela alawula isikolo asebenza ngayo kwazi ukuba ngubani oba kwiqela elilawula isikolo ba nakho ukucacisa yintoni amaqela alawula isikolo kwabanye abantu
IQela elilawula isikolo ligqiba ngo:
mgaqo wesikolo kuphuhlisa isikolo kwaye lingagqiba ngomgaqo:
wokulawula isikolo wemali yesikolo
ISGB zingacela amanye amagunya ukuba banawo amandla okwenza loo misebenzi
Jonga Yintoni imisebenzi neemfanelo zeQela eliLawula isiKolo ( amaphepha 19-23)
Iqela elilawulayo kufuneka liqinisekisa ukuba isikolo silawulwa kwimidla yabafundi. Ikwimeko yokuthenjwa ngokuphathelele kwisikolo. Abalawuli kufuneka ngalo lonke ixesha babeke imidla yesikolo kuqala phambi kwenzuzo yabo.
Iqela elilawulayo alibandakanywa ekulawulweni kwesikolo imihla ngamihla- lowo ngumsebenzi wenqununu kunye nootitshala. Nangona kunjalo igalelo labo okanye izigqibo kumgaqo kwezinye zezi zinto okanye zonke:
Umgaqo wesikolo: iiyure zesikolo, umgaqo wolwimi, umgaqo wezenkolo, imithetho yokunxiba, imithetho yokuziphatha, iinjongo zesikolo, nomgaqo wokulawula isikolo.
Ukuphuhlisa isikolo:inkqubo yophuhliso, ukufumana abancedisi abazithandelayo xa befuneka, ulwahlulelwano noluntu, intsebenziswano nezinye izikolo.
Ukulawulwa kwesikolo: ukujonga izakhiwo zesikolo, amabala esikolo, ezinye iimpahla, ukugqiba ukuba ezinye ziza kusetyenziswa nini, ukuqashwa kwesitafu, intlanganiso jikelele yonyaka yabazali, iingxelo kuluntu lwesikolo.
Ukukhupha imali yesikolo: ukwanyusa ingxowa yesikolo, ukuvula I-akhawunti yebhanki, ukujonga ingeniso nenkcitho yesikolo.
Iqela elilawulayo lingcela igunya lokuphucula impahlayesikolo, ligqibe ngokhetho lwezifundo, nekharityhulamu engaphandle kwezifundo, lithenge iincwadi, nezixhobo zemfundo lize libuze kwaye lisebenze ngezikhalazo malunga nesitafu nabafundi esikolweni.
Ngubani ungangumlawuli wesikolo? ( r10)
Inqununu
Kuyazenzekela ukuba inqununu yesikolo soloko ililungu leqela elawula isikolo.
Abazali ( r10)
Umzali okanye umondli womfundi obhalise ngokusesikweni esikolweni kwaye ongaqashwanga esikolweni angaba ngumzali olilungu leqela elilawula isikolo.
Abazali bangathetha:
Umzali okanye umondli womfundi
Umntu onelungelo lokugcina umfundi
Umntu odlala indima yomzali okanye umgcini ngokuphathelele kwimfundo yomfundi esikolweni.
Ootitshala ( r10)
Utitshala oqashwe esikolweni , ingeyiyo inqununu angalilungu leqela elilawulayo kodwa ingabi ngabo ootitshla abaqashelwe kuphelaukwenza imisebenzi engaphandle kokufundisa. ( IsiLungiso sesiQendu 1 somThetho wama-84 ngokulungiswa sisiQendu 1 somThetho we-100 we-1997).
Abafundi
Umfundi othe ngonyaka wonyulo wabe ubhalise kumgangatho ongaphantsi kwibanga lesibhozo ungaba lilungu leqela elilawulayo.
Amalungu abafundi kufuneka ingamalungu ekomiti elawulayo yeBhunga eliMele abaFundi. Ilungu lomfundi elimele iQela eliLawulayo kufuneka ikolu luhlu lulandelayo:
c Elinye ilungu lekomiti elawulayo leRCL elimiswe yikomiti elawulayo kwaye kuthathelwe ingqalelo kwisini.
Ukuba umfundi mncinane:
a Akanakuvumelana ithetha ukuba ukubandakanya abantu ngenxa yesikolo b Akanakuvotela izindululo zeqela elilawulayo elinyakathisa iimfanelo kumaqela esithathu okanye isikolo ukubandakanyeka kwizivumelwano zasemthethweni.
c) Uyakhutshwa nakwesiphi isiphumo esivele ngenxa yobulungu leqela elilawulayo ( umzekelo ukuba iqela elilawulayo limangalelwe alinnakuba natyala
Isitafu esingafundisiyo
Nabani oqeshwe njengelungu lesitafu esikolweni ongeyiyo ititshala angalilungu leqela eliawulayo.
Ukwamkelwa njengamalungu ( r4)
Amalunga oluntu ukuya kwisithathu angamkelwa njengamalungu ngabalawulo besikolo esiqhelekileyo. Abanamalungelo okuviota kwiqela elilawulayo.
Inqununu
Abazali
Ootitshala
Abafundi
Lenziwa njani iBhunga elimele abaFundi? ( jonga kwiphepha le-18)
Isitafu esingafundisiyo
Ukuba isikolo sinika imfundo kubafundi abanezidingo ezithile, ukuba kunokwenzeka omnye wabaphathi owamkelwe njengelungu kufuneka abe nobuchule kulo mmandla.
Ukuba isikolo sikawonke-wonke sime kumhlaba wabucala omnye wabamkelwe njangamalungu kufuneka ibe ngumnikazi okanye omiswe ukumela umnikazi. Ukuba bangaphezulu kwesinye abanikazi, kufuneka abanikazi bamise omnye weqela labo okanye ummeli oza kuba liqela lokulawula ukuba wamkelwe njengelungu.
Ingaba zikhona ezinye izizathu ezinokunqanda ubani ekubeni abe ngumlawuli wesikolo? (r10)
Ewe. Ubani akanakubakho kwiqela elilawula isikolo xa ethe wafunyaniswa ngoogqirha ukuba akaphilanga kakuhle ngokwasengqondweni okanye ukuba ukhululwe ngesithembiso sokungabaleki okanye kuxhonywe isigwebo senkundla yamatyala. Ubani akanakubakho kwiqela elilawulayo ukuba kufunyaniswe ukuba utshonile okanye akanakho ukubhatala amatyala wakhe ngenkundla enobuchule.
AbaPhathi boNyulo abavumelekanga ukuba babe ngabaphathi besikolo kwesio sikolo basebenza njengabathi bonyulo kuso.
Ingaba kukho izizathu apho umphathi engenakuvunyelwa ukuba aqhubeke nokusebenzela iqela elilawulayo?
Ewe. Ukuba umphathi wesikolo akakho kwiintlanganiso ezilandelelanayo zide zibe ngaphezulu kwesithathu ( 3) ngaphandle kokunika izizathu uyakhutshwa (r9).
Njengokuba umphathi wesikolo esiya kukhutshwa ukuba ngexesha esebenza njengomphathi akasayithobeli imithetho emisiweyo. Ilungu elingumzali elalifanelekile ngelo xesha lonyulo lweqela elilawulayo uya kuyeka ukuba lilungu ukuba umntwana wakhe akasabhalisanga ngokwasemthethweni esikolweni ngexesha le-ofisi ewayenyulwe ngalo. Ubani akanakuqhubeka njengomphathi wesikolo ukuba akaphilanga kakuhle ngokwasengqondweni okanye ukhululwe ngesithembiso sokungabaleki okanye kuxhonywe isigwebo ( r10).
Ingaba umphathi wesikolo angasuswa e-ofisini? ( r8)
Ewe. Ukuba ukuziphatha komphathi wesikolo ngokunxulumene neqela elilawulayo kunokuba nomonakalo ekulungeni okungcono kwesikolo angasuswa yiNtloko yeSebe. INtloko yeSebe kufuneka inike umphathi wesikolo ithuba lokuxoxa ngemeko yakhe yokususwa kwaye umphathi wesikolo angabhena kwisigqibo sokususwa kwakhe ngokubhalela iMEC kwiintsuku ezingama-30. Ade uMEC athathe isigqibo ngokuphathelele kwisibheno umlawuli wesikolo akavumelekanga ukuba aqhubeke nobulungu bakhe kwiqela elilawulayo. UMEC kufuneka amxelele umphathi wesikolo ngesigqibo kwaye amnike izizathu ngokubhaliweyo.
Lixesha elingakanani ubani elilungu leqela elilawulayo?
Amalungu angabafundi ananyaka omnye kuphela kwiqela elilawulayo. Bonke abanye abaphathi baneminyaka emithathu ( r7).
Ingaba ubani angaphinda anyulwe njengomphathi wesikolo emva kokuba eligqibile ixesha lakhe e-ofisini?
Ewe. Emva kokuba abaphathi befikelele kumlinganiselo wexesha bangaphinda bonyulwe r7. Akumiselwanga ukuba mangaphi amaxesha wokuba ubani angangumphathi wesikolo.
Kwenzeka ntoni xa kukho isithuba eivulekileyo kwiqela elilawulayo? ( r9) 
Ukuba isithuba sesesitafu esingafundisiyo utitshala okanye umfundi ugcwalisa eso sithuba ngokulandela inkqubo efanayo echazwe ngentla - oko kukuthi kwiintlanganiso zokumiswa nezonyulo. Naliphi ilungu elise-ofisini ngaphandle kwelungu elingumzali isithuba kufuneka sigcwaliswe kwiintsuku ezingama-21 sivulekile.
Ukuba isithuba seselungu elingumzali onyuliweyo iqela elilawulayo lingenza isigqibo sokwamkela umzali njengelungu okanye libambe unyulo. Abazali abamkelwe njengamalungu okugcwalisa isithuba selungu elonyuliweyo banamalungelo okuvota apheleleyo kodwa akufuneki ukuba benze ngaphezulu kwama-40% ( 2/5) yabameli babazali bebonke. Nbani owamkelwe njengelungu okanye owonyulelwe ukuvala isithuba sokulawula ohambe phambi kokuba kuphele ixesha le-ofisi ( eliyiminyaka emithathu) uya kuba ngumlawuli ixesha eliseleyo lalo mntu athathe indawo yakhe. Emva koko ukuba usanqwenela ukuba abe lilungu leqela elilawulayo kufuneka alandele iinkqubo zonyulo eziqhelekileyo ( r8).
Kwenzeka ntoni ukuba ngaba iqela elilawula isikolo alimiswanga ngokufanelekileyo?
Kukho izizathu ezahlukenyo apho iqela elilawulayo lisenokungamiswa ngokufanelekileyo r6. Umzekelo, kusenokwenzeka ukuba amalungu abazali awonelanga okanye amalungu ootitshala. Abantu bangarhoxa okanye basuswe ngoko iqela elilawulayo alisayi kuba nenani elifunwa ngummiselo.
Nokokuba sesiphi isizathu ukuba iqela elilawulayo alimiswanga ngokufanelekileyo uMec unokulivumela kude ibe zinyanga ezintandathu ukuba libe limiswe ngokufanelekileyo. Ngeli xesha iqela elilawulayo liyavunyelwa ukuba lenze imisebenzi kwaye lithathe izigqibo kwaye ezi zigqibo zisemthethweni ukuba iqela elilawulayo lalimiswe ngokupheleleyo.
Nangona kunjalo ukuba emva kweenyanga ezintandathu iqela elilawulayo alikamiswa ngokufanelekileyo akukho zezo zalo elizenzayo eziya kuthathwa njengezisemthethweni r6. UMEC angagqiba ukulidibanisa iqela elilawulayo nelinye lesinye isikolo r5.
Qaphela:
Ingaba amalungu eqela elilawulayo ayabhatalwa ngomsebenzi wabo?
Hayi. Amalungu eqela elilawulayo asebenza ngokuzithandela nangona ukuba inkcitho ekhoyo ibangelwe ngumsebenzi abawenzileyo isikolo kufuneka sibhatele.
Ingaba amalungu eqela elilawulayo anemfanelo kumatyala esikolo?
Hayi- ngaphandle kokuba benza nasiphi isigqibo okanye izenzo ngokwemithetho kwaye bakwenze oko ngaphandle kwenjongo yolunya.
Amalungu amkelwe njengamalungu ( r7)
Ilungu elingumzali lingamkelwa njengelungu kangangeentsuku ezingama-90 ngexesha unyulo lwelungu lwenziwe phakathi kwexesha lolawulo ukubamba isithuba kwiqela labalawuli.
Ukuba kunokwenzeka nakweliphi inqanaba amalungu abazali awakho ngaphezulu kwinani lamanye amalungu edibene anamalungelo okuvota iqela elilawulayo kufuneka lamkele abazali njengamalunguanagesosigxina. Abo bazali kufuneka babe namalungelo lokuvota.inani labazali elamkelwe njengamalungu alifunekanga lidlule kuma-40% yabazali abangamalungu kwiqela elilawulayo. Iindawo kufuneka zigcwaliswe ngonyulo kwiintsuku ezingama-90.
Ngubani oba kwiqela elilawula isikolo?
Kuzo zonke izikolo inqununu iba kwiqela elilawula isikolo. Inani labazali elingabalawuli lilonke kufuneka libe ngaphezulu kwenani labanye abalawuli abanamalungelo okuvota r4.
Umzekelo iqela elilawulayo elinamalungu ali-13 amalungu angabazali kufuneka babe ngamalungu asi-7.
Linye inani lesitafu elingafundisiyo kuwo onke amaqela alawula isikolo.
Ukuba isikolo asinaso isitafu esingafundisiyo ( kwaye asikwazi konyula ilungu lesitafu esingafundisiyo njengomlawuli) inani labazali abalawulayo kufuneka lesihliswe ngesinye ( into ethetha ukuba inani labalawuli lesikolo lilonke kufuneka lehliswe ngesi-2).
Izikolo zamabanga aphantsi azinawo amalungu abafundi kumaqela azo alawulayo.
Inani lamalungu eqela elilawulayo aliquki:
Inqununu yesikolo enesihlalo esizenzekelayo kwiqela elilawulayo.
Amalungu eqela elilawulayo anokuthi amkelwe njengamalungu ekuhambeni kwexesha kodwa awasayi kuba namalungelo okuvota.
Amalungu abazali kufuneka ngalo lonke ixesha ogqithe inani lamanye amalungu edibene aneevoti, ayulwe sisikolo ukuquka nenqununu.
Lo mzobo ubonisa amalungu eqela eliawulayo kwisikolo esiphakamileyo esinabafundi abangaphantsi .
Usihlalo soloko ingumzali amalungu ama-2 ngootitshla inqununu
Amalungu asi-7 abazali amalungu ama-2 abafundi abangamalungui alawulayo kwiBhunga eliMele abaFundi.
Ingaba ubukhulu beqela elilawulayo ligqitywa njani?
Inani lamalungu labazali , lamalungu angootitsdhala, amalungu asisitafu angafundisiyo namalungu abafundi abaya kuba kwiqela elilawulayo xhomekeke kubukhulu benani labafundi ababhalise esikolweni nokokuba kukumabanga aphantsi , kumabanga aphakamileyo okanye ksikolo esibanzi esihlangeneyo. Oku kumiselwe kwisihlomelo 1 ( apha ngezantsi ) kwimimiselo yephondo nakuFomu B1 kule ncwadi ( iphepha 45).
Uhlobo lwesikolo ukuhlelwa kwesikolo
Inani labafundi elibhalisileyo inani lamalungu angabazali
Inani lamalungu angootitshala
Inani lamalungu abafundi
Inqununu
Inani labo xa bebonke
Izikolo eziqhelekileyo zamabanga aphantsi
Izikolo eziqhelekileyo zamabanga aphakamileyo
Izikolo ezihlangeneyo
i Izikolo zamabanga aphantsi r3 2 
Iqela elilawuayo lesikolo samabanga aphantsi siqulethe:
a Inqununu enendawo ezenzekelayo b Ootitshala besikolo c Ilungu elinye lesitafu esingafundisiyo d Abazali babafundi abasesikolweni
Umzekelo
Amalungu abazali aba-4
Ilungu elingutitshala eli-1
Ilungu elisisitafu esingafundisiyo eli-1
Amalungu ama-6 kufuneka ekhethelwe iqela elilawula isikolo.
Kwizikolo zamabanga aphantsi ezinabantwana akwe-160 nama-719 uya kulungiselela unyulo lwama:
Amalungu abazali ama-5
Amalungu ootitshala ama-2
Ilungu elisisitafu elingafundisiyo eli-1
Amalungu asi-8 kufuneka ekhethelwe iqela elilawulayo
Kwizikolo zamabanga aphantsi ezinabafundi abangaphezulu kwama-719 kuya kufuneka :
Amalungu abazali ama-6
Amalungu ootitshala ama-2
Ilungu elisisitafu esingafundisiyo eli-1
Amalungu ali-10 kufuneka ekhethelwe kwiqela elilawulayo.
Iqela elilawulayo kwisikolo esihlangeneyo sikawonke-wonke okanye kwisikolo esibanzi sikawonkewonke siya kuba namalungu afanayo nawesikolo esiqhelekileyo samabanga aphakamileyo ii Izikolo zamabanga aphakamileyo r33 
Iqela elilawuayo lesikolo samabanga aphakamileyo siqulethe:
a Inqununu enendawo ezenzekelayo b Ootitshala besikolo c Ilungu elinye lesitafu esingafundisiyo d Abazali babafundi abasesikolweni e Abafundi
Umzekelo
Isikolo samabanga aphakamileyo esinabafundi abangaphantsi kwama-630 kufuneka sonyule:
Amalungu abafundi aba-2
Amalungu angootitshala ama-2
Ilungu elisisitafu esingafundisiyo eli-1
Amalungu ali-12 kufuneka ekhethelwe iqela elilawula isikolo.
Kwizikolo zamabanga aphakamileyo esinabafundi abangaphezulu kwama-629 kuya kulungiselela unyulo lwama:
Amalungu abazali ama-9
Amalungu ootitshala ama-3
Amalungu angabafundi ama-3
Ilungu elisisitafu elingafundisiyo eli-1
Amalungu ali-16 kufuneka ekhethelwe iqela elilawulayo iii Izikolo ezibanzi okanye ezihlangeneyo r34 
Iqela elilawuayo lesikolo slesikolo esiqhelekileyo esihlanganeyo okanye isikolo esibanzi sinamalungu afanayo nawesikolo samabanga aphakamileyo kodwa sibalwa ngamalungu abafundi abakwibanga lesi-8 okanye ngaphezulu:
a Inqununu enendawo ezenzekelayo b Ootitshala besikolo c Ilungu elinye lesitafu esingafundisiyo d Abazali babafundi abasesikolweni e Abafundi
Umzekelo
Isikolo samabanga aphakamileyo esinabafundi abangaphantsi kwama-500 kufuneka sonyule:
Amalungu angootitshala ama-2
Amalungu abafundi ama-2
Ilungu elisisitafu esingafundisiyo eli-1
Amalungu ali-12 kufuneka ekhethelwe iqela elilawula isikolo.
Kwizikolo zamabanga aphakamileyo esinabafundi abangaphezulu kwama-499 kuya kulungiselela unyulo lwama:
Amalungu abazali ama-9
Amalungu ootitshala ama-3
Amalungu angabafundi ama-3
Ilungu elisisitafu elingafundisiyo eli-1
Amalungu ali-16 kufuneka ekhethelwe iqela elilawulayo iv Amaqela alawulayo asebenza kwizikolo ezibini okanye ngaphezulu r5
Ilungu leBhunga eliLawulayo lingagqiba ukuba izikolo ezibini okanye ezingaphezulu zinganeqela elinye eliawulayo. Oku kuya kwaziswa ngesaziso kwiGazette yePhondo kwaye liya kunika amaqela anomdla itthuba lokuba abhale phantsi impendulo yawo kwiintsuku ezingekho ngaphantsi kwama-30.
Amaqela alawulayo ezi zikolo aya kubalwa kwimeko yesikolo esinye - oko kukuthi baya kudityaniswa bonke abafundi , ootitshala kunye nesitafu esingafundisiyo.
Ubulungu beqela elilawulayo lwesikolo sikawonke-wonke esinabafundi abanezidingo ezithile zemfundo (ELSEN) ( r3 )
Ezi ndidi zabantu kufuneka zimelwe kwiqela elilawulayo lwesikolo sikawonke-wonke sabafundi abaneziidingo ezithile zemfundo njengoko inikwe sisiQendu 24 somThetho weziKolo zoMzantsi Afrika:
a Inqununu enendawo ezenzekelayo b Ootitshala besikolo c Ilungu elinye lesitafu esingafundisiyo d Abazali babafundi abasesikolweni
Ukongeza ezi ndidi zabantu abalandelayo kufuneka bamelwe ukuba kufuneka kusebenzekile:
Abameli bamaqumrhu abameli ukuba kufanelekile
Abameli bemibutho yabazali babafundi abanezidingo ezithile zemfundo ukuba kufanelekile
Abameli bemibutho yabantu abakhubazekileyo ukuba kufanelekile
Abantu abakhubazekileyo ukuba kufanelekile
Iincutshe zezifundo ezifanelekileyo zezidingo ezithile zemfundo
IQela eliLawulayo liya kuthathwa njengelimiselwe ngokungafanelekanga ukuba olunye lwezi ndidi alimelwanga ngokufanelekileyo.
AmaBhunga aMele abaFundi
Ingaba iBhunga elimele abaFundi lenza ntoni?
Isikolo ngasinye esibhalise abafundi bebanga lesibhozo nangaphezulu kufuneka sineBhunga eliMele abaFundi. UMEC umisele izikhokelo nobuncinane beemfuno zale mibutho. Oku kumiselwe apha.
IiRCL zisekelwe 'ukulungisa izidingo zabafundi bonke abasesikolweni'. Kufuneka zakhe umanyano phakathi kwabafundi kwaye zigcine abafundi benolwazi ngeziganeko ezisesikolweni nakuluntu lwesikolo. Omnye womsebenzi wawo omkhulu kukukhuthaza ulwalamano olululo esikolweni phakathi kwabafundi nootitshala kunye nesitafu esingafundisiyo. Kufuneka kwakho enze unxibelelwano kunye nezinye iiRCL kunye nemibutho yoluthsa ukuze kuzuze isikolo.
Zinyulwa njani?
Iklasi nganye inyula ngamaphepha okunyula , umeli omnye oyindoda nomnye wesifazana ukuba abe kwiRCL ( kwimeko yesikolo apho kukho isini esinye ummeli owonyulwayo uba mnye kwiklasi nganye). Ilungu ngalinye leklasi liba nevoti enye yomgqatswa.
UmPhathi woNyulo wolu nyulo iya kuba nguTitshala onguMxulumanisi wooTitshal isekela lenqununu
Iveki enye phambi konyulo isaziso siya kuxhonywa eklasini. Kwintlanganiso yonyulo abagqatswa kufuneka bamiswe kwaye kuvunyelwane ngomlomo kwaye kuvunyelwane ukuba kumiswe. Abafundi baoyulelwa kwiRCL unyaka omnye.
Izicwangciso zenguqulelo
Apho iRCL okanye umbutho ofana nayo njengeBhunga lokuMela abaFundi - SRC ikhoyo iya kuphela kwintlanganiso yokuqala yeRCL entsha.
IRCL kuya kufuneka yenze uMgaqo-siSeko wayo. Le mithetho kufuneka iqulethe oku kulandelayo:
Igama iRCL enqwenela ukubizwa ngalo
Ulwazi olubalulekileyo lonxibelelwano olufanelekileyo neRCL kunye ngamaqela anomdla ( umzekelo inqununu).
Ukuba iRCL inqwenela ukuguqula uMgaqo-siSeko wayo ingakwenza oko ukuba ababhunga basisibini esithathwini emva kokuba onke amalungu echazelwe ngeenguqulelo ezicetywayo kangangenyanga. Ukuba amalungu eze entlanganisweni awanelanga kufuneka kubanjwe intlanganiso yesibini kwiiveki ezimbini, ngoko ke uMgaqo-siSeko ungaguqulwa sisibini esithathwini yabo bakhoyo kwintlanganiso yesibini. Ezi nguqulelo kufuneka zithunyelwe kwiNtloko yeSebe ukuqinisekisa ukuba zihambelana nomThetho weziKolo kwaye kude kufunyanwe isiqinisekiso kuye akukho nasinye isilungiso kuMgaqo-siSeko esiya kuthathwa njengokuba sisemthethweni.
Usihlalo nonobhala beRCL baba ngamalungu azenzekeleyo eSGB. Xa ilungu lesithathu lingasebenza kwiSGB naliphi ilungu leKomiti eLawulayo lingamiswa emva kokuba kuthathelwe ingqalelo kwisini ( r10).
Ithini imisebenzi neemfanelo zeqela elilawula isikolo?
Iqela elilawulayo liya kwenza umgaqo-siseko walo nemiyalelo emisiweyo.
UMGAQO WESIKOLO
Iqela elilawulayo kufuneka limisele umgaqo wokwamkela wesikolo.
Iqela elilawulayo kufuneka limisele umgaqo wolwimi wesikolo.
Iqela elilawulayo kufuneka linike imithetho malunga nokokuba sesiphi isithethe senkolo ekufuneka sivunyelwe esikolweni.
Iqela elilawulayo kufuneka ligqibe ngemithetho yokunxiba yesikolo.
Iqela elilawulayo kufuneka livelise imithetho yokuziphatha kwabafundi.
Iqela elilawulayo kufuneka livelise imithetho yamalungelo neemfanelo zawo onke amacandelo esikolweni ngaphandle kweyeetitshala ezilawulwa yiSACE.
Iqela elilawulayo kufuneka ligqibe ngembono, ingxelo neenjongo zesikolo ( Jonga ulwazi elisecaleni kwihepha lama-20).
Kubalulekile ukuba uziqhelise nala macandelo alandelayo achaza imisebenzi neemfanelo zeqela elilawulayo. La macandelo ahlulwe ngokweenkqubo, umgaqo wesikolo, ukuphuhlisa isikolo, ukulawula isikolo, ukukhupha imali yesikolo. Ayizizo zonke izihloko ezichazwe nzulu. Nangona kunjalo abagqatswa abamele unyulo kufuneka babe nengqiqo ecacileyo yokokuba iya kuba yintoni imisebenzi neemfanelo zabo. Ezi mfuno zipapashiwe kumThetho weziKolo zoMzantsi Afrika.
UKUPHUHLISA ISIKOLO
Iqela elilawulayo kufuneka lenze kwaye lilungiso uyilo lophuhliso
Iqela elilawulayo kufuneka likhuthaze abazali, abafundi , ootitshala kunye nesitafu esingafundisiyo ukuba bancedise ngokunikezela ngokuzithandela iinkonzo zabo.
Iqela elilawulayo lingazinzisa iinkonzo nolwahlulelwano loluntu ngokunxulumene kwiinkqubo zentlalo, zempilo, zokuzonwabisa zokondla nezothutho, nayiphi enye into eqhubela phambili le njongo yomThetho.
Iqela elilawulayo lingadibana nombutho ozithandelayo omele amaqela alawulayo ezikolo.
Iqela elilawulayo lingaphuhlisa uyilo lophuhliso eliminyaka mi-3 lwesikolo ukuphucula iimeko zokufunda nokufundisa.
Ingxelo yembono yesikolo
Ingxelo yembono yesikolo kufuneka iquke iindlela zi:
Lungele isikolo esinokuphucuka ngolungiselelo lwemfundo esemgangathweni yabafundi;
Inqununu, ootitshala nesinye isitafu esikolweni bangaxhasa ekwenzeni imisebenzi yabo yobuchule.
UKULAWULA ISIKOLO
Iqela elilawulayo kufuneka liwalule iimpahla zesikolo kunye nezakhiwo kunye namabala esikolo ( ukuquka nnomzi wabafundi ukuba ukhona). Kufuneka bavumelane ukuba iimpahla zezikolo zingasetyenziswa ukuba bacele kwiNtloko yeSebe kwinjongo leyo kufuneka zisetyenziselwe yona, okanye zisetyenziswe luluntu kwiinjongo zentlalo okanye ukonyusa ingxowa-mali. Ukujongwa okufanelekileyo kolo setyenziso luya kwenziwa kwaye imali iye esikolweni.
Iqela elilawulayo kufuneka lilungiselele iNtlanganiso yoNyaka yabazali esikolweni minyaka yonke. Le ntlanganiso kufuneka ibanjwe phakathi kukaJulayi noNovemba ( r18). Inqununu yesikolo kufuneka ithumele ikopi yesaziso enika zonke iinkcukacha nge-AGM kumzali ngamnye okanye anike abafundi izaziso ukuba bazinike abazali.
Iqela elilawulayo kufuneka linike abafundi, ootitshala, nesinye isitafu ingxelo esikolweni kunye kanye ngonyaka.
Iqela elilawulayo kufuneka ligqibe ngamaxesha emini yesikolo. ( la maxesha kufuneka ahambelane nengqesho yesitafu).
Kwenzeka ntoni kwiNtlanganiso yoNyaka yabazali? ( r18)
Inqununu kunye nosihlalo banika ingxelo ebhaliweyo ehlangeneyo ( eyahlukeneyo) ngesikolo kunyaka odlulileyo.
Ingxelo zemali ephicothiweyo kufuneka zikho.
Uqingqo-mali lonyaka omtsha kufuneka yazisiwe kwaye nayiphi imeko enxulumene nemali yesikolo ingaxoxwa. ( isiQendu 38 ( 2) soMthetho weziKolo zoMzantsi Afrika ka-1996).
Nawuphi na omnye umcimbi onxulumene nesikolo ungaxoxwa.
Jonga kwakho kulwazi olusebhokisini ngeeNtlanganiso Jikelele eziBalulekileyo kwiphepha lma-25.
UKUKHUPHA IMALI YESIKOLO
Yintoni imisebenzi neemfanelo zamaqela alawulayo ngokunxulumene kukukhutshwa kwemali yesikolo?
Imisebenzi neemfanelo zeqela elawulayo ngokunxulumene nemali yesikolo kunye neempahla zesikolo yile ilandelayo:
Imisebenzi i kufuneka bazame ukonyusa ingxowa-mali ukuquka neminikelo yemali, iinkonzo okanye impahla ukuze kuphucuke umgangatho wemfundo esikolweni;
ii kufuneka baseke ingxowa yesikolo ekufuneka eliwulwe ngokwemiyalelo yeNtloko yeSebe;
iii zonke iimali ukuquka neminikelo ekhutshwa ngokuzithandela nemrhumo wesikolo kufuneka zifakwe kwingxowa yesikolo;
v nayiphi imali, iinkonzo okanye iimpahla ezifunyenwe kwitrasti zisetyenziswe ngendlela efunwa yitrasti ngokungachasananga nemimiselo ekhoyo;
vi imali yesikolo kunye nazo zonke ezinye izinto zesikolo zingasetyenziselwa ezi zinto zilandelayo:
Ukusetyenziswa kwemali a kwiinjongo zemfundo esikolweni okanye ngokuphathelele kwisikolo, b kwiinjongo zemfundo esikolweni okanye ngokuphathelele kwesinye isikolo ngemvumelwano neso sikolo neNtloko yeSebe, c ukwenza imisebenzo yeqela elilawulayo d kwezinye iinjongo zemfundo ekuvunyelwene ngazo liqela elilawulayo neNtloko yeSebe.
Imisebenzi yamaqela alawulayo ngokunxulumene noqingqo-mali lwesikolo i kufuneka kuqala baseke uqingqo-mali kwaye balungise uqingqo-mali lonyaka ngamnye ngokwezikhokelo ezimiselwe liLungu leBhunga eliLawulayo;
ii kufuneka bazise olu qingqo-mali phambi kokuba livunywe liqela elilawulayo, kwiNtlanganiso Jikelele yoNyaka okanye kwiNtlanganiso Jikelele eBalulekileyo yabazali ukufumana imvume;
iii kufuneka bagcine iirekhodi zokwenyani zayo yonke imali nezinye izinto iimpahla ezifunyenweyo nezichithiweyo iv kufuneka bakhuphe ingxelo yemali ngokukhawuleza kodwa kungabi kho emva kweenyanga ezintanthu ekupheleni konyaka wemali kwaye baqinisekise ukuba ingxelo yemali iphicothwe ngokufanelekileyo. Kufuneka banike iNtloko yeSebe ikopi yengxelo yemali kwiinyanga ezintandathu ekupheleni konyaka wemali.
QAPHELA:
Umrhumo wesikolo ungaguqulwa kuphela emva kokuba uninzi wabazali kwiNtlanganiso Jikelele okanye kwiNtlanganiso Jikelele ebalulekileyo luvumelene nezindululo. Ezi zindululo zemali kufuneka ziquke neenkcukacha zokokuba uya kuba yimalini umrhumo wesikolo kwaye yeyiphi inqobo esemgangathweni yokunciphisa inxenye okanye yonke kubazali abangenakho ukuwubhatala.
Abazali abangahambisani nesi sigqibo seqela elilawulayo lokhululo kumrhumo wesikolo bangabhena kwiNtloko yeSebe. INtloko yeSebe kufuneka ibonise ukuba inkqubo elandelweyo ekwenzeni isigqibo malunga nesibheno ikhusela ilungelo labazali kunye neyeqela elilawulayo. Ukuba abazali abafanele ukubhatalela abantwan babo ababhatali bangasiwa enkundleni ukubanyanzela ukuba babhatale.
QAPHELA:
Nabanina onomdla esikolweni kufuneka avunyelwe ukuba abone ingxelo yemali ukuba bafuna ukwenza njalo
UKWABIWA KWEMISEBENZI
Ingaba ikho eminye imisebenzi ekufanele yenziwe liqela elilawulayo?
Iqela elilawulayo lingcela kwiNtloko yeSebe ngokubhala ukuba labe eminye yale misebenzi ilandelayo:
i ukugcina nokuphucula impahla yesikolo;
ii ukugqiba ngekharityhulamu yangaphandle yesikolo kunye nokhetho lwezifundo;
iii ukuthengela isikolo iincwadi zokufunda nezixhobo zokufunda ;
v ukunika imfundo esisiseko sabadala neeklasi zokuqeqesha okanye iziko;
vi ukuphanda ngezikhalazo ngokubhala nangalphi ilungu lesitafu esiqashwe liSebe kwaye benze izindululo malunga nokumisa neenkqubo zokuziphatha kakubi ngokunxulumene nabanina oqashiweyo okanye awuphi umfundi ohamba isikolo;
vii ukuphanda ngezikhalazo malunga nomfundi obhalise ngokusemthethweni esikolweni , babhekise izikhalazo kunye nokufunyanisiweyo kwiNtloko yeSebe nokwenza izindululo kwiNtloko yeSebe zokumisa iinkqubo zokuziphatha kakubi ngokunxulumene nomfundi obhalise ngokusesikweni esikolweni.
INtloko yeSebe ingasala isicelo seqela elilawulayo sokwenza imisebenzi engentla ukuba iqela elilawulayo alinamandla lokuyenza kwaye iNtloko yeSebe ingavuma phantsi kweemeko ezahlukeneyo.
INtloko yeSebe mayenze isivumelwano ngokubhala.
Ukuba kukho oqonda ukuba isigqibo seNtloko yeSebe asinangqiqo angabhenela kwiLungu leBhunga eliLawulayo.
ILungu leBhunga eliLawulayo lingagqiba lingenza eminye yale misebenzi okanye yonke ngaphendle kokwenza isicelo ngokubhala kwiNtloko yeSebe.
Ukuba iLungu leBhunga eliLawulayo lenze esi sigqibo kufuneka enze isaziso kwiGazette yePhondo edwelisa amaqela alawulayo kunye nemisebenzi ayinikiweyo.
INtloko yeSebe nayo ingaqiba ekuwangqandeni amalungu eqala elilawulayo ekwenzeni nawuphi umsebenzi kwedweliswe ngentla
INtloko yeSebe kufuneka ixelele iqela elilawulayo injongo yayo yokwenza oku ize ivumele iqela elilawulayo ukuba liphendule kwesi sigqibo kwiintsuku ezingama-30. Ukuba iNtloko yeSebe ibona ukuba umbandela lowo ufuna ukuqwalaselwa ngokukhawuleza angasebenza ngaphandle kwesaziso ngaphendle kokuba iqela elilawulayo lixelelwe kwaye livunyelwe ukuphendula kwiintsuku ezingama-30.
Izicwangciso zenguqulelo
Kungxamiseke kangakanani ukuba iqela elilawulayo lingaqalisa ukusebenza (r6)
Ukuba iqela elilawula isikolo sele likho phambi kokuba koknyulwe iqela lokulawula elitsha ixesha leqela elidala liyaphela ekupheleni kwemini phambi kwenkqubo yokonyula iqela elitsha lokulawula.
Iba nini intlanganiso yayo yokuqala?
Iqela elilawulayo elitsha liya kuba nentlanganiso yayo yokuqala phakathi kweentsuku ezili-14 nezingama-28 emva koknyulo lwalo ( r6). Intlanganiso kufuneka ibizwe yinqununu.
INtloko yeSebe iya konyula umntu okanye abantu ukuba benze imisebenzi yeqela elilawulayo xa iqela elilawulayo elidala liyekile nangexesha apho iqela elitsha linentlanganiso yalo yokuqala (r6).
Umgaqo-siseko weqela elilawulayo ( r21)
Iqela elilawulayo ngalinye kufuneka kwiinyanga ezintathu zokonyulwa kwalo zamkele umgaqo-sisekpo. UMgaqo-siSeko weqela elilawulayo kufuneka ukquke namalungiselelo entlanganiso yeqela elilawulayo, kube kanye ngexesha elimisiweyo lesikolo kwaye ubuncinane kabini ngaonyaka kunye nabazali, nabafundi, nootitshala kunye nesitafu sesikolo.
Ekuthetheni noNobhala uSihlalo umisela ixesha, umhla nendawo ekuza kubanjelwa kuyo intlanganiso. Amalungu kufuneka enikwe isaziso esibhaliweyo ubuncinane iintsuku ezili-14 phambi kwentlanganiso.
Ukuba ngaba uninzi lwamalungu eqela elilawulayo akho entlanganisweni intalnganiso ingaqhubeka kwaye izigqibo zayo zingathathwa njengezisemthethweni.
Ukuphuhlisa amalungu amatsha eqela elilawulayo anyuliweyo
Ngokuphathelele kumThetho weziKolo zoMzantsi Afrika indlu yowiso-mthetho yasemNtla Koloni inoxanduva lokunika imali yokuphucula ukusebenza ngokufanelekileyo kwamaqela alawula izikolo. Isebe leMfundo noQeqesho, ubuGgcisa neNkcubeko liseke inkqubo yoqeqesho ukunika isiqalo noqeqesho oluzingileyo lwamaqela alawula izikolo amatsha.
Iinqununu nabanye abaphathi besebe lemfundo kufuneka baqinisekise ukuba banika uncedo olufunekayo kumaqela alawulayo ekwenzeni imisebenzi yawo.
Ukurhoxisa imisebenzi yeqela elilawulayo
Ukuba iHOD inemihlaba eyaneleyo ingarhoxisa nawuphi umsebenzi kwiqela elilawulayo. Anga:
xelela iqela elilawulayo ngenjongo yakhe nezizathu zokwenza oko nika iqela elilawulayo ithuba lokuphendula kwiintsuku ezingama-30 aze athathele ingqalelo le mpendulo.
Kwiimeko ezingxamisekileyo iHOD ingasebenza ngaphandle kokunika isilumkiso kwiqela elilawulayo:
Izizathu zezo zenzo
Iimpendulo kwezo zenzo kwiintsuku ezingama-30
Iintlanganiso zamaqela alawulayo
Iqela elilawulayo kufuneka libe nentlanganiso ubuncinane kanye ngexesha lesikolo elimisiweyo ( r17, r21). Iqela elilawulayo kufuneka linike isaziso seveki ubuncinane kuMongameli weSithili ( onelungelo lokuya nakweyiphi intlanganiso yeqela elilawulayo kodwa akanakuvota ) ( r17, r21).
Iirekhodi zeentlanganiso kufuneka zifumaneke kubo bonke abafundi, abazali, ootitshala okanye kumaqela anomdla esikolweni. Amalungu eSGB anyuliweyo kufuneka anike ingxelo nje:
a ngokungenelela imfihlakalo yomnye ngaphandle kokuba lowo uvumile ukuba ulwazi lunganikezelwa b ngolwazi olunikwe ngumntu wesithathu njengehlebo ngaphandle umntu lowo wesithathu unike imvume yokuba lunganikezelwa ulwazi r20.
c Alukwazanga kufumaneka emva kokukhangelwa ngenyameko.
Iqela elilawulayo lingenza owawo umgaqo-siseko, imithetho nemiyalelo emisiweyo enxulumene neentlanganiso neenkqubo, kodwa le mithetho nemiyalelo kufuneka ingaphambani nomthetho wePhondo.
Ikopi yale mithetho neenkqubo kufuneka zithunyelwe kwiNtloko yeSebe kwiintsuku ezingama-90 iqela elilawulayo lonyuliwe. INtloko yeSebe kufuneka iqinisele ukuba le mithetho nezi nkqubo ziyahambelana namalungiselelo omThetho, ngaphandle kwenzeke oku imithetho nemimiselo yeqela elilawulayo ayinakusetyenziswa ( r21).
Naliphi ilungu leqela elilawulayo elinomdla ngemali okanye isihlobo esinomdla ngezemali kwimicimbi exoxwayo kufuneka arhoxe ngexesha kuxoxwayo kwaye kuthathwa isigqibo ngokuphathelele kulo mbandela.
INtlanganiso Jikelele eBalulekileyo ( r19)
Ukuba ngaba ama-20% ( isinye kwisihlanu) sabazali babantwana abasesikolweni batyikitye isicelo bebiza intlanganiso jikelele ebalulekileyo yabazali kufuneka iqela elilawulayo liyibizile loo ntlanganiso kwiintsuku ezingama-30 lifumene isicelo eso. INtlanganiso Jikelele eBalulekileyo ingabizwa kuzokuxoxwa nawuphi umbandela onefuthe kwisikolo. Inqununu kufuneka ikhuphe izaziso malunga nale ntlanganiso kwiintsuku ezili-10 ubuncinane phambi kokuba ibanjwe intlanganiso ngokuziposela ikopi eneenkcukacha kumzali ngamnye okanye anike umfundi ngamnye ikopi ukuba ayinike abazali/umzali wakhe.
Amaqela alawulayo azenza njani izigqibo? ( r17)
Isiqingatha esinye samalungu eqela elilawulayo livumelekile ukuba livote kwaye kubekho esinye esikhoyo esiza kwenza izigqibo. Umzekelo iqela elilawulayo elinamalungu ali-13 avotileyo kufuneka ubuncinane asi-7 ( 6+1) abekho entlanganisweni ukuze enze izigqibo
Ubuncinane isiqingatha samalungu avotileyo ekoramu yentlanganiso yeqela elilawulayo kufuneka ibe ngabazali.
Ingaba ezi zigqibo zingaguqulwa nangubani? ( r15)
Ewe. ISebe leMfundo lingagqiba ekubeni lingazizalisekisi izindululo ezenziwe liqela elilawulayo. Ukuba oku kwenzekile kufuneka linike iqela elilawulayo izizathu ezibhalilweyo.
Zeziphi izithuba ekufuneka zigcwaliswe kwiqela elilawulayo? ( r 16).
Iqela elilawulayo kufuneka lonyule uSihlalo, uNondyebo noNobhala. Iqela elilawulayo lingonyula abantu abasebenza e-ofisini ukuba linqwenela njalo.
Aba bantu baza kusebenza e-ofisini kufuneka ibe ngamalungu eqela elilawulayo anamalungelo okuvota.
USihlalo weqela elilawula isikolo kufuneka ibe ngumzali ongaqashwanga esikolweni r16.
Inqununu yesikolo ayinakubamba sikhundla e-ofisini yeqela elilawula isikolo.
Akukho nalinye ilungu leqela elilawulayo elinokwenza imisebenzi emibini kwi-ofisi yeqela elilawulayo elinye ( r16).
Azinakuba ngaphezulu kwesibini iititshala ezisebenxza e-ofisini yeqela elilawulayo r16.
Kufuneka banyulwe nini abaphathi be-ofisi?
Kwintlanganiso yokuqala yeqela elilawulayo ekufuneka ingabanjwa phambi kweentsuku ezingama-14 nesemva kweentsuku ezingama-28 konyulwe amalungu eqela elilawulayo, amalungu ewela elilawulayo anamalungelo okuvota kufuneka konyulwe phakathi kwaow abo baza kuba se-ofisini ( r16).
Lixesha elingakanani ubani ekwi-ofisi yeqela elilawulayo?
Umphathi unokusebenza unyaka omnye e-ofisini. Emva kwelo xesha angaphinda onyulwe. ukuba ubani akaselilo ilungu leqela elilawulayo akanakuba saphinda ahlale e-ofisini r16.
Yintoni imisebenzi yabo banezikhundla kwi-ofisi yeqela elilawula isikolo?
USihlalo
Usihlalo kufuneka abaze kwaye akhokele iintlanganiso zeqela elilawulayo. ukuba usihlalo akakho entlanganisweni amalungu eqela elilawulayo kufuneka onyule elinye ilungu leqela elilawulayo ukuba likhokele intlanganiso. r21 d
Usihlalo kufuneka azise iNtlanganiso Jikelele yoNyaka kubazali ngengxelo ebhaliweyo ngesikolo kunyaka odlulileyo. ( inqununu kufuneka nayo inike ingxelo ebhaliweyo kwaye le ngxelo isonokwenziwa ngokuhlangeneyo okanye ngokwahlukileyo kuleyo kasihlalo. )
UNobhala ( r17, r18, r21)
Unobhala ugcina imizuzu yentlanganiso nganye yeqela elilawulayo neyeKomiti eLawulayo kwaye aqinisekise ukuba le mizuzu iyafumeneka ukuze ithathwe njengerekhodi elichanekileyo kwintlanganiso elandelayo yeqela elilawulayo.
UNobhala kufuneka aqinisekise ukuba imizuzu efanelekileyo iyagcina kwintlanganiso ngaye yekomiti yeqela elilawulayo kwaye iyafumaneka ukuze ithathwe njengerekhodi elichanekileyo kwintlanganiso elandelayo yekomiti.
Unobhala kufuneka athathe imizuzu yeNtlanganiso Jikelele yoNyaka yabazali kunye nayiphi iNtlanganiso Jikelele ebalulekileyo yabazali ebizwe ngabazali.
Imizuzu yeNtlanganiso Jikelele eBalulekileyo kufuneka ifumaneke ukuze ithathwe njengerekhodi elichanekileyo kwintlanganiso yabazali elandelayo.
Imizuzu yazo zonke iintlanganiso zabazali ezibe phakathi kweeNtlanganiso Jikelele zoNyaka kunye nemizuzu yeNtlanganiso Jikelele yoNyaka edlulileyo kufuneka zifuamaneke kwaye zivunywe njengerekhodi echanekileyo kwiNtalanganiso Jikelele yoNyaka elandelayo.
Unobhala kufuneka anike uMongameli weSithili ikopi yayo nayiphi imizuzu xa eyifuna.
Xa umntu owenza imisebenzi kanobhala kwiqela elilawulayo eyeka ukwenza oko kufuneka anike inqununu yonke imizuzu namnye amaxwebhu eqela elilawulayao.
Xa omnye umntu ethatha indawo kanobhala kwiqela elilawulayo inqununu kufuneka imnike yonke imizuzu ekhoyo kunye namaxwebhu ebenikwe wona ngunobhala wangaphambili.
Xa unobhala engekho ilungu leqela elilawulayo kufuneka lonyulqwe ukuba lithathe imizuzu yentlanganiso okanye ukuba kukho isekela likanobhala kufuneka libhale inkqubo.
UNondyebo
Amaqela alawulayo aneqela leemfanelo ezibandakanya imali. Kungoko kufuneka anyule unondyebo aza kuba noxanduva lokuqinisekisa ukuba le misebenzi iyenziwa. Le misebenzi idweliswe phantsi kwesiqendu ukukhupha imali yesikolo ( jonga kwiphepha lama-22).
Kwenzeka ntoni xa osebenza e-ofisini ehambile? ( r9)
Ukuba umntu akanakuphinde awenze umsebenzi wase-ofisini nangasiphi isizathu amalungu eqeal elilawulayo abanamalungelo okuvota kufuneka banyule elinye ilungu elinamalungelo okuvota kuloo ndawo ingenamntu kwintlanganiso elandelayo yeqela elilawulayo.
Zeziphi iikomiti ekufuneka zenziwe liqela elilawulayo?
Onke amaqela alawulayo kufuneka eneKomiti eliLawulayo.
Ngubani oba kwiKomiti eLawulayo?
IKomiti eLawulayo iqulethe amalungu akhethelwe I-ofisi kunye nenqununu ( ngenxa yamalungelo akhe).
Yintoni imisebenzi yeKomiti eLawulayo?
IKomiti eLawulayo kufuneka yenze imiyalelo eyinikwa liqela elilawulayo kwaye inika ingxelo lezenzo nezigqibo zayo kwiqela elilawulayo. Nangona kunjalo kufuneka igqibe ngemithetho yayo malunga nokubamba iintlanganiso zayo ngaphandle kokuba le mithetho ayiphambani nemisebenzi yayo emiselwe kumThetho.
Le misebenzi iquka intlanganiso ebanjwa ubuncinane kanye ngenyanga. Uninzi lwamalungu eKomiti yoLawulo kufuneka ekho kwintlanganiso yeKomiti yoLawulo ukuze bakwazi ukuthatha izigqibo okanye izindululo.
UMongameli weSithili unalo ilungelo lokwazi iinkcukacha zexesha nendawo apho intlanganiso yeKomiti yoLawulo iza kubakho khona kwaye aye kuyo ( nangona engenakuvota) ukuba uyafuna.
Ingaba zikhona ezinye iikomiti zeqela elilawulayo?
Ewe.
i) Iqela elilawulayo lesikolo esiqhelekileyo esinika imfundo kubafundi abanezidingo ezithile zemfundo kufuneka baseke ikomiti kwzidingo ezithile zemfundo ( Jonga iphepha lengxelo karhulumente lesi-6- imfundo equkuneyo.
ii Iqela elilawulayo lesikolo esiqhelekileyo esinika izifundo ezingafundiswa imini yonke kubafundi abadala kufuneka liseke ikomiti yemfundo yabadala. Iqela elilawulayo kufuneka limeme inqununu yeziko lokufunda onemfanelo yezo zifundo, abameli babafundi abadala nabameli bootitshala abafundisa abo bafundi babe ngamalungu ekomiti.
iii Ukuba iqela elilawulayo libona kufanelekile lingamisa ikomiti enye okanye zibe zininzi ngaphandle kweKomiti yoLawulo, ikomiti yezidingo ezithile, ikomiti yabafundi abadala ukuba ibacebise kwaye ukuba kunemfuneko yenze nayiphi imisebenzi iqela elilawulayo enqwenela ukuba ukuba ibathume.
Ithini imithetho yezi komiti?
Ikomiti nganye kufuneka ikhokelwe lilungu leqela elilawulayo. Iqela elilawulayo linganyula abantu abangengomalungu kwiqela elilawulayo babe kwikomiti. Iqela elilawulayo lingasijika okanye lisiguqule isigqibo sekomiti.
IKomiti Elawulayo yenza izigqibo zeqela elilawulayo.
ICANDELO LESIBINI
Ulonyulo novoto
Ulonyulo lwamaqela alawula isikolo lunika omnye nomnye owenza uluntu lwesikolo ithuba lokuvotela abameli kwiQela eliLawula isiKolo.
Emva kokuba iQela eliLawula isiKolo lonyuliwe amalungu alo aya kuvotela imicimbi yemisebenzi neemfanelo ezikummandla wawo.
ICandelo lesiBini lichaza imimiselo ngokuphathelele kukumiswa nolonyulo lwabazali, loootitshala, nesitafu esingafundisiyo nabafundi.
UmPhathi woNyulo uya kubamba ukhetho lweentlobo ezine zamalungu zeqela elilawulayo.
Ngabazali bodwa abavumelekileyo ukuba bavotele amalungu abazali.
Ngootitshala bodwa abavumelekileyo ukuba bavotele amalungu angootitshala
Abafundi abawavoteli amalungu abafundi kwiSGB. Amalungu abafundi ngusihlalo, nonobhala weRCL kwaye xa umfundi wesithathu engasebenza kwiSGB iKomiti eLawulayo ingamisa ummeli onjalo kwiKomiti eLawulayo.
Abazali bavumeleke ukuba bavotele amalungu angabazali
Wonke umzali womfundi omnye okanye ngaphezulu obhalise ngokusesikweni esikolweni uvumelekile ukuba avotele amalungu abazali beqela elilawulayo ( r11)/.
Wonke umzali uvumelekile ukuba abe nevoti enye yendawo yelungu lomzali ngamnye kwiqela elilawulayo.
Ukuba kukho iindawo zamalungu abazali abasi-7 umzali uya kuba neevoti ezisixhenxe, ibe nye kwindawo nganye.
Abanakusebenzisa zonke iivoti zabo kodwa kufuneka bamvotele kanye umntu ngamnye.
Ootitshala bavumeleke ukuba bavotele ootitshala ( r11)
Utitshala ngamnye oqeshwe esikolweni, ngaphandle kwenqununu uvumelekile ukuvotela amalungu ootitshala kqwiqela elilawulayo.
Utitshala ngamnye uvumeleke ukuba avotele indawo enye yelungu letitshala ngalinye kwiqela elilawulayo.
Ukuba iindawo zimbini zamalungu ootitshala utiotshala kufuneka abe neevoti ezimbini ibe nye kwindawo nganye.
Abanakusebenzisa zonke iivoti zabo kodwa kufuneka bamvotele kanye umntu ngamnye.
Abafundi bavotela iBhunga eliMele abaFundi ( r11)
Amalungu abafundi akwiSGB kufuneka abe ngussihlalo nonobhala weBhunga eliMele abaFundi.
Ukuba ilungu lesithathu lomfundi likwiSGB iKomiti eLawulayo yeRCL ingamisela umfundi ofana nalowo kwiKomiti yoLawulo kuthathelwe ingqwalasela kwisini.
Isitafu esigafundisiyo sivumelekile ukuvotela amalungu esitafu angafundisiyo
Ilungu lesitafu ngasinye elingafundisiyo eliqashwe esikolweni livumelekile ukuvotela ilungu lesitafu esingafundisiyo kwiqela elilawulayo.
Ummeli uyavota- Ingaba ukuba umzali ongenakufikelela kulonyulo angafumana omnye ongamvotela?
Ewe. Ivoti yomzali ingenziwa ngomnye ukuba unencwadi ayibhalileyo waze wayityikitya echaza ukuba unike omnye igunya lokuba amvotele. Lo mntu ubizwa ngokuba ngummeli. Ummeli kufuneka abhalise kwiEO ngomhla wentalnganiso yokumiswa . ummeli akavumelekanga ukuba avote ngaphezulu kwesibini
Ithini inkqubo yokonyulwa kwabalawuli besikolo? ( r13)
Oku kulandelayo yinkqubo yokumisela nokonyula abazali kwiqela elilawulayo lesikolo. Iinkqubo zokumiswa nonyulo ezichazwe apha ziyafana nezabafundi, zootitshala, nezesitafu esingafundisiyo.
Zifana ngendlela yokokuba kukho imithetho malunga nokokuba ngubani ofuneka aphathe isikolo, ngoko kukho imithetho malunga nokumiswa nokonyula.
a Ukumiswa
Nabanina onqwenela ukuba ngumphathi wesikolo unokumiswa aze axhaswe.
b Unyulo
Unyulo kufuneka lukho xa ngaba kukho abantu abaninzi abamisiweyo kunenani elifunekayo kwiqela elilawulayo. Ngokuvota uluntu lwesikolo likhetha ukuba ngabani ekufuneka ekwiqela elilawulayo lesikolo sabo. Abagqatswa abafumene iivoti ezininzi ngaba abangamalungu onyuliweyo eqela elilawulayo.
Ukufumaneka kwerejista yesikolo ( r14)
Irejista yesikolo iqulathe amagama abazali abanokonyulwa, abafundi, ootitshala nesitafu esingafundisiyo kufuneka ifumaneke kuzo zonke iintalnganiso zokumiswa nezonyulo.
Bonke abantu abamisiweyo, abaxhasi nabagqatswa kufuneka ibe ngabantu abadweliswe kwirejista yesikolo njengabafundi, abazali, ootitshala nesitafu esingafundisiyo esikolweni.
Ezi rejista zesikolo zisebenza njengoluhlu lokuvota. Kubalulekile ukuba zibonakalise onke amagama abavoti abanokonyulwa ( jonga iifomu B 2-B5).
Luxanduva lwenqununu ukuqinisekisa :
Ukuba amagama abazali angekho ngaphezulu kwesibini somfundi ngamnye obhalise esikolweni akhona kwirejista yabazali.
Amagama ootitshala bonke nesitafu esingafundisiyo abaqashwe esikolweni badwelisiwe kwirejista.
Kwinjongo yokubamba unyulo iBhunga eliMele abaFundi umPhathi onguMxulumanisi woTitshala kufuneka aqinisekise ukuba irejista ibonisa ukubhaliswa esikolweni okuchanekileyo.
Inkqubo yokumiswa
Imimiselo elawula inkqubo yokumiswa kufuneka ilandelwe kuzo zonke iintlanganiso zokumiswa.
Inkqubo yokonyula kufuneka ifane kudidi ngalunye lwamalungu anyulwayo.
UmPthathi woNyulo kufuneka alandele inkqubo efanayo emva konyulo lodidi nglunye lwamalungu.
Ukuvota ngephepha lokuvota
Oku kuthetha ukuba umvoti unelungelo lokuvota bgasese kwaye ngokuthembakeleyo.
Umvoti unelungelo lokuvota ngaphendle kwezoyikiso zokugrogriswa.
Umsebenzi wakho njengmPhathi wonyulo kukuqinisekisa ukuba ulungiselela unyulo esikolweni sakho ngendlela ekhuselekileyo yemiqathango yedemokrasi nokubambelela kwimimiselo yasemNtla koloni.
Inkqubo yokumiswa
Ukuchongwa kwabavoti
Ileta evela esikolweni
Ipasi
Idompasi
Ikhadi le-U.I.F.
Ikhadi lethala leencwadi
Iphepha-mvume lokuqhuba
Inkqubo yokumiswa ( r14)
Kufuneka enze ntoni umPhathi woNyulo ukubamba intlanganiso yokumiswa?
UmPhathi woNyulo uya kugqiba ngomhla, ngexesha nangendawo yentlanganiso apho abazali bangamisa umzali ukuba amele unyulo njengomphathi wesikolo.
UmPhathi woNyulo uya kulungisa isaziso esinika iinkcukacha kwaye enze iikopi ezaneleyo ukuze inqununu yesikolo ikwazi ukunika umfundi ngamnye esikolweni jonga ifomu P2.
Esi saziso kunye neekopi kufuneka zinikwe inqununu ubuncinane kwiintsuku ezili-14 phambi komhla wentalnganiso yokumiswa/ yokonyula.
Inqununu kufuneka inike abafundi ezi kopi kunye nemiyalezo ekufuneka beyigqithisele kubazali babo, kwiintsuku ezisi-7 phambi komhla wentlanganiso yokumiswa.
Inqununu isenokukhetha ukuziposela abazali ezi zaziso okanye izipose ukongeza kwezo bezinikwe abafundi.
Inqununu kufuneka enike umPhathi woNyulo incwadi equlathe amagama abazali bonke abanelungelo lokuvota phambi kwentlanganiso yokumiswa .
Ukuba inani labantu abamisiweyo ngokwasemthethweni lingaphantsi kunenani elifunwayo lamalungu abazali abangabaphathi umPhathi woNyulo uya kuyiphelisa intlanganiso yokumiswa aze alungiselele intlanganiso entsha yokumiswa kwiintsuku ezili-14. Le ntlanganiso iya kufuna izaziso ezitsha nabantu abatsha abamisiweyo. Ukuba kwintlanganiso yesibini yokumiswa abanelanga abantu abamisiweyo abo bamisiweyo baya konyulwa.
Imithetho yokumiswa kwabazali
Umzali unokumiswa kuphela (okanye isekela) ngomnye umzali onomfundi obhalise ngokusesikweni esikolweni.
Umzali omiselweyo kufuneka angaqashwa esikolweni okanye abe ngumPhathi woNyulo lwesikolo.
Umzali omiselweyo kufuneka abe uphilile ngokwasengqondweni.
Indlela umzali angamiswa ngayo ( r14)
Umzali unokumiselwa ngumntu ocebayo ogcwalise ifomu yokumiselwa ekwi-ofisi yenqununu eza kuya kumPhathi woNyulo kungabi ngaphezu kweentsuku ezisi-7 kwaye kungabi ngaphantsi kosuku olunye phambi kwentlanganiso ebiziweyo ( jonga ifomu P4).
Bangamiswa kwintlanganiso yokumiselwa. UmPhathi woNyulo akasayi kuvuma ukuba kwenziwe lo msebenzi ngaphezu kweyure enye ( jonga ulwazi kwibhokisi).
Abazali abamiselwe entlanganisweni baya kufuna omnye umzali ongumxhasi wokumiswa kunye nefomu yokumiswa iya kugcwaliswa ize inikwe umPhathi woNyulo kwixesha elivunywe ngumPhathi wonyulo kule njongo.
Xa kuvaliwe ukumiswa abakho abanye abantu abakuvunyelwa ukuba bamiswe.
Ukumiswa
Ukumiswa kufuneka kuvalwe xa:
Inani labamiswa abafunyenweyo liphinde inani leendawo ezonyulelwayo kwiqela elilawula isikolo;
Ukuba kufuneka konyulwe amalungu abazali asi-7 umPhathi woNyulo kufuneka avumele ukumiswa kwabazli abali-14 kunye/okanyeimizuzu engama-20 emva kkokubizwa kwabamiselwa.
Ukumiselwa okwenziwe entlanganisweni kufuneka kungeniswe kwiifomu ezifanelekileyo kwaye zikhangelwe lisekela lomPhathi woNyulo kwincwadi efanelekileyo. Abantu abamiselweyo bathunyelwa kumPhathi woNyulo ukuze abadibanise noludwe lwabantu abamiselweyo ebelifumene.
Bane kuphela abantu abamiselweyo ekufuneka bavunyelwe kwisitafu esingafundisiyo
Kwenzeka ntoni xa ukumiselwa kuvaliwe? ( r14)
Ukuba bonke abantu abamiselweyo abamkelwe ngumPhathi woNyulo kwintlanganiso yokumiswa yabazali balingana nenani lamalungu abazali abafunekayo kwiqela lokulawula umPhathi woNyulo kufuneka abathathe abagqatswa abamisiweyo njengabanyuliweyo.
Ukuba bonke abantu abamiselweyo abamkelwe ngumPhathi woNyulo kwintlanganiso yokumiswa yabazali lingaphezulu kunenani lamalungu abazali elifunekayo umPhathi woNyulo kufuneka alungiselele intlanganiso.
KwiPhondo lasemNtla Koloni unyulo luya kubanjwa ngemini enye yentlanganiso yokumiswa kodwa ukuba kuyimfuneko ukuba lungabanjwa ngolunye usuku olwahlukileyo ukuba ngaba ulwazi beluxeliwe kwisaziso zentlanganiso yokumiswa - kodwa kunga ngaphezu kweentsuku ezi-7 emva kwentlanganiso yokumiswa ( jonga ifomu P2).
Ekuvalweni kwentlanganiso yokumiswa umPhathi woNyulo uya kwenza uluhlu labagqatswa aze alubonise ngokudandalazayo.
Kwenzeka ntoni kwintlanganiso yonyulo? ( r 15)
UmPhathi wonyulo nenqununu baya kulungiselela igumbi elilodwa ukusuka kwindawo apho ukumiselwa bekusenziwa khona njengendawo yokuvotela.
UmPhathi woNyulo uya kuncamathelisa ikopi evunyiweyo yabantu abamisiweyo kudonga lweli gumbi okanye uya kubhala uluhlu ebhodini. Xa oku kuthe kwagqitywa umPhathi woNyulo uya kuvula ucango lwesikhululo sokuvota kwaye uya kuvumela nabani ongumqwalaseli kwaye axelele iSekela lomPhathi woNyulo ukuba aqalise ngenkqubo yokunika iifomu zokuvota ( jonga ifomu B1). UmPhathi woNyulo akaufuneki ahambe kweli gumbi kude kugqitywe ukuvotwa.
Abavoti baya kukhangelwa liSekela lomPhathi woNyulo ngokwencwadi efanelekileyo eya kusebenza njengeluhlu lwamagama abavoti. Abavoti kufuneka babe nento yokuchongwa ( jonga kwibbhokisi esecaleni).
ISekela lomPhathi woNyulo kufuneka enike abavoti ifomu yokuvota kwaye uya kuyiphawula ngesitampu sesikolo.
Abazali abanama;lungelo okuvota ( jonga kwibhokisi ekwiphepha lama-30) baya kuba namagama wabo kunye namagama abazali ababavotelayo ekhangelwa ngokwencwadi enamagama abo, kwaye banikwe iifomu zokuvota ezimbini okanye ezintathu ngokuphathelele kukuba banelungelo lokuvotela umzali omnye okanye abazali ababini jonga ifomu P3.
Abavoti baya kungena kwigumbi baze babhale amagama abagqatswa abamiselweyo abanqwenela ukubonyula kwiifomu zokonyula. Akukho sidingo sokuba basebenzise zonke iivoti zabo.
Baya kusonga ifomu yokuvota baze bayifake kwibhokisi yokuvota.
kwezinye izikolo kulindelekile ukuba kubekho umpHathi woNyulo ongaphezulu kwesinye owonyuliweyo. Ukuba akukho mvisiswano phakathi kwabo malunga nomcimbi onxulumene nokumiswa komgqatswa okanye unyulo isigqibo somPhathi woNyulo wesithili siya kuba sesokugqibela.
Kwenzeka ntoni ukuba ngaphantsi kwama-40% yabazali iye entlanganisweni?
Ukuba ngomhla wolunyulo ikoram ( ubuncinane ama-40% yabazali ababhalisileyo kuluhlu lwabavoti) ayifikelelwa kwintlanganiso yonyulo:
UmPhathi woNyulo kufuneka amisele omnye umhla, ixesha nendawo yonyulo lwesibini kwaye axelele inqununu ngokubhala ubuncinane phambi kweentsuku ezili-14 phambi komhla waloo ntlanganiso.
UmPhathi wonyulo uya kunika inqununu iikopi ezoneleyo zezaziso ezixela umhla, ixesha nendawo yentlanganiso yesibini.
Inqununu uya kunika umfundi ngamnye osesikolweni iikopi zezaziso kunye nemiyalezo yokokuba kufuneka bazinike abazali babo kwiintsuku ezisi-7 phambi kwentalnganiso yesibini.
Kwintlanganiso yesibini akusayi kubakho ikoram efunekayo kwaye unyulo lwamalungu abazali luya kuqhubeka ngokommiselo wesi-3-9 ( r15).
Kwenzeka ntoni emva konyulo? ( r15)
Emva kokuba abantu bevotile kufuneka bahambe.
Xa uvoto lugqityiwe iSekela lomPhathi woNyulo ubala onke amaphepha ovpoto ebekhutshiwe aze ase itotali yawo kumPhathi woNyulo.
UmPhathi woNyulo encediswa liSekela lomPhathi woNyulo bavula zonke iibhokisi ezinamaphepha onyulo baze emva kokuba beqinisekile ukuba azinanto bajonge iifomu zokuvota baze ukuba kukho amoshakeleyo bawakhuphele ecaleni.
UmPhathi woNyulo encediswa liSekela lomPhathi woNyulo baya kubala zonke iivoti zabagqatswa abahlukeneyo baze bagqibezele ufomu B6 ( ifomu yokurekhoda amaphepha okuvota).
Emva kokuba zonke iivoti zibaliwe kwaye uFomu B egcwalisiwe umPhathi woNyulo kufuneka azise iziphumo.
Xa yonke inkqubo yokonyula iQela elilawula isiKolo lugqityiwe zonke iifomu zokuvota namaxwebhu ebesetyenziswa kunyulo kufuneka afakwe emvulophini ize ivalwe ithunyelwe kumPhathi woNyulo weSithili. Kufuneka awagcine ekhuselekile kangangeenyanga ezintathu emva konyulo.
UmPhathi woNyulo weSithili uya kuxelela abantu abonyuliweyo ngokubhala.
UmPhathi woNyulo lweSithili uya kuqinisekisa ukuba inqununu kunye noMongameli weSithili baxelelwa amagama amalungu anyuliweyo ngokubhaliweyo.
Iphepha lovoto kufuneka lithathwe njengelimoshakeleyo ukuba:
Akacacelwa umPhathi woNyulo ukuba ngabani ebevotelwa.
Maninzi amagama abhalwe kwiphepha lokuvota endaweni yomnye ovunyiweyo
Iphepha lokuvota alinaso isitampu sesikolo
Igama lihlatyiwe okanye kubhalwe phezu kwalo
Abavoti banokucel elinye iphepha lokuvota ukuba benze iimpazamo
Iphepha lokuvota lokuqala kufuneka linikwe umPhathi woNyulo aza kulitshitshisa ngokulihlaba aze atyikitye igama lakhe aze ayalele iSekela lomPhathi woNyulo ukuba anike elinye iphepha lokuvota.
UmPhathi woNyulo kufuneka abhale inani lamaphepha ovoto tshitshisiweyo ukuze inani lamaphepha ovoto xa ewonke anikiweyo ahlangane nenani labavoti ( B 6).
Kwenzeka ntoni ukuba kukho abagqatswa ababini nangaphezulu abafumana inani elinye labavoti?
Ukuba abagqatswa babini okanye ngaphezulu bafumane inani leevoti ezilinganayo umPhathi woNyulo uya kuqononondisa iziphumo- umPhathi woNyulo kufuneka afune indlela yokuba kuphumelele umgqatswa omnye ngebhaqo. Ukuba abagqatswa babini kuphela baneziphumo ezifanayo umPhathi woNyulo angajikelezisa ikhozo lemali aze agqibe ukuba okhethe intloko nguye ophumeleleyo. Okanye umPhathi anganeebhola ezimbini ezinobukhulu obulinganayo ezinembala eyahlukeneyo engxowenio aze agqibe ukuba umgqatswa opkhethe umbala othile nguye ophumeleleyo. Kukho iindlela ezininzi' zokukhetha ngesininzi' . Kodwa nayiphi indlela esetyenzisiweyo ixhomekeke kumphathi wonyule kwaye isigqibo sokugqibela sesakhe.
Abavoti abafuna uncedo
Abavotii baya kulufuna uncedo lokugcwalisa iphepha lokuvota kuba becela umngeni obonakalayo bangacela I-EO ukuba avumele umntu abancede.
Abavoti abfumana ubunzima ekufundeni nasekubhaleni bangacela I-EO ukuba ibafundele amagama nenani labagqatswa nokufaka inombolo okanye inani lokhetho lwabo.
KHUMBULA! IVOTI YAKHO YIMFIHLELO
Imimiselo enxulumene nabafundi, nootitshala kunye nsitafu esingafundisiyo
Ukumiselwa kwelungu elingutitshala ( r15)
UmPhathi woNyulo uya kugqiba ngomhla, ngexesha nangendawo yentlanganiso yokumiswa kwamalungu angootitshala. Le ntlanganiso kufuneka ibanjwe kwiintsuku ezisi-7 phambi okanye emva kwentlanganiso yokumiswa kwamalungu angabazali.
INtloko yeSebe leMfundo lingalandisa eli xesha ukuba ngaba kunesizathu esilungileyo.
INqununu kufuneka inike umPhathi woNyulo uluhlu elinootitshala bonke besikolo.
UMphathi woNyulo kufuneka enike utitshala ngamnye esikolweni ikopi yesaziso sentalanganiso yokumiswa kwiintsuku ezi-5 zesikolo phambi kwemini yentlanganiso jonga iFomu E1.
Utitshala angamiswa kuphela kwaye axhaswe ngomnye utitshala oqashwe esikolweni.
Inqununu ayinakuba lilungu lootshala kwiqela elilawulayo kuba unesihlalo esizenzekelayo.
Ootitshala bangamiswa ngumntu ocebayo ufake ifomu yokumiswa egcwalisiweyo kumphathi wonyulo kungekho phambi kweentsuku ezisi-7 phambi kwentlanganiso ecetyiweyo ( jonga iFomu E2)
Abanakumiselwa kwintlanganiso yokumiselwa ( jonga kwibhokisi esecaleni kwiphepha lama-32). UmPhathi wonyulo uya kuvumela ixeshana lokwenzeka koku kwaye oku kuya kwaziswa ekuqaleni kwentlanganiso.
Ekubeni imimiselo ephathelele kwirejista yesikolo, kukumiswa nokonyula kufana kudidi ngalunye lwelungu elonyulwayo kukho iyantlukwano ezithile.
Kunezithuba ezi-4 zamalungu angabazali kwiqela elilawulayo. Ndiya kugcina ukumiswa kuvulekile kangangemizuzu engama-20side sibe nabantu abamiselweyo abasi-8. Ukumiswa emva koko kuya kuvalwa. ( jonga kwibhokisi kwiphepha lama-32)
UKUMISWA KWABAPHATHI ABANGABAZALI
Ootitshala abamisiweyo kwintlanganiso kufuneka enye ititshala ekhoyo eza kuxhasa ukumiswa, nokugcwalisa ifomu yokumiswa ngokufanelekileyo kwaye ayigqithisele kumPhathi woNyulo kwixesha elivunyelwe loo njongo ngumPhathi woNyulo.
Xa ixesha ebelivunyelwe ukumiswa liphelile akukho okunye ukumiswa okuya kuvunyelwa. Ukuba inani lilonke lokumiswa elisemthethweni lingaphantsi kwenani elifunwayo lootitshala abangamalungu alawulayo umPhathi woNyulo uya kuyivala intlanganiso yokumiswa aze alungiselele intlanganiso yokumiswa entsha kwiintsuku ezili-14.
Le ntlanganiso iya kufuna izaziso ezitsha kunye nabantu abamiselwayo .
Amalungu abafundi
USihlalo, uNobhala okanye amanye amalungu eKomiti yoLawulo yeBhunga eliMele abaFundi baba ngamalungu abafundi azenzekelayo kwaye akukho voto lufunekayo.
Intlanganiso yokumiswa kwamalungu esitafu angafundisiyo ( r14)
UmPhathi woNyulo uya kugqiba ngomhla, ngexesha nangendawo yentlanganiso yokumiswa kwamalungu esitafu esingafundisiyo. Unyulo lungenzeka entlanganisweni kodwa kufuneka oku kuchaziwe kwizaziso ezikhutshiweyo. Le ntlanganiso kufuneka ibanjwe kwiintsuku ezili-14 phambi okanye emva kwentlanganiso yokumiswa kwamalungu angabazali.
INtloko yeSebe leMfundo lingalandisa eli xesha ukuba ngaba kunesizathu esilungileyo.
INqununu kufuneka inike umPhathi woNyulo uluhlu elinesitafu esingafundisiyo sonke besikolo.
UMphathi woNyulo kufuneka elungise isaziso sentalnganiso kwaye anike ikopi isitafu ngasinye esingafundisiyo esikolweni kwiintsuku ezi-5 zesikolo phambi kwemini yentlanganiso ( jonga iFomu NT1).
Isitafu esingafundisiyo singamiswa kuphela kwaye axhaswe sesinye isitafu esingafundisiyo esiqashwe esikolweni.
Isitafu esingafundisiyo singamiswa ngumntu ocebayo ufake ifomu yokumiswa egcwalisiweyo kumphathi wonyulo kungekho phambi kweentsuku ezisi-7 phambi kwentlanganiso ecetyiweyo ( jonga iFomu NT2)
Amalungu esitafu esingafundisiyo amiswe entlanganisweni kufuneka abe nelinye ilungu lesitafu esingafundisiyo esikhoyo esiza kuxhasa ukumiswa kwaye ligcwalisee ifomu ngendlela efanelekileyo lize lineke umPhathi wonyulo kwixesha ebelivunyelwe injongo leyo.
Xa ixesha ebelivunyelwe ukumiswa liphelile akukho okunye ukumiswa okuya kuvunyelwa.
Ukuba akukho mntu omiselweyo kwangexesha okanye omiselwe entlanganisweni umPhathi woNyulo uya kuyivala intlanganiso aze alungiselele intlanganiso entsha yokumiswa kwiintsuku ezili-14.
Le ntlanganiso iya kufuna izaziso ezitsha kunye nabantu abamiselwayo .
QAPHELA:
Ukuba kukho isitafu esingafundisiyo esinye esiqeshwe esikolweni ( r3 ) uba lilungu elizenzekeleyo leqela elilawulayo. Ukuba ngaba akukho sitafu esingafundisiyo kufuneka inani libazali licutheke ngesinye kwiqela elilawulayo.
Ukuba kunokwenzeka nangasiphi isizathu kwinxalenye yamalungu eSGB kubekho ilungu elingonyulwanga, oko kuthetha ukuba iSGB ayonyulwanga ngokufanelekileyo. UMEC uya kuvumela ukulungiswa kwale meko uya kutsho kwiinyanga ezi-6.
ICANDELO LESITHATHU
Izikhokelo ezisebenzayo zokubamba unyulo
Icandelo lesithathu liqulathe izikhokelo ezibonakalayo zokulungiselela nokubamba ukumiselwa nonyulo esikolweni sakho. Liqulathe zonke izaziso zeentlanganiso zokumiswa nezonyulo uya kuzifuna.
Liqulathe kwakho iikopi zeefomu zokumiswa ezisemthethweni zabazali, zabafundi, zesitafu esingafundisiyo nezootitshala. Ezo fomu zingafotokopwa kwaye zisetyenziswe njengefomu ezisemthethweni xa kufanelekile.
Icandelo lesiThathu licwangciswe ngendlela ulonyulo olwahlukeneyo ekufuneka lwenziwe ngayo.
Eli candelo liqulathe:
Uluhlu lweefomu
Uluhlu olukhangelwa yinqununu
Uluhlu olukhangelwa ngumPhathi woNyulo
Iifomu nezaziso zokuseka nokonyula iBhunga eliMele abaFundi
Iifomu nezaziso zokumiswa nokonyula amalungu esitafu angafundisiyo
Iifomu nezaziso zokumisa nokonyula amalungu ootitshala
Iifomu nezaziso zokumisa nokonyula amalungu abazali
Iifomu zokugcina iirekhodi nokuxela isiphumo
Ngokusebenzisa iCandelo lesiThathu uya kuba nakho uku:
qulunqa inkqubo yonyulo lwesikolo sakho ngakufanelekileyo nangendlela elungiselelweyo ukumisa umhla wonyulo lwesikolo sakho ukugqiba inkqubo yonyulo lweqela elilawula isikolo sakho olu luhlu lweefomu zicwangcisiwe kwaye zinombolwe ngokokuba kufuneka zisetyenziselwe unyulo lweRCL, lwesitafu esingafundisiyo, lootitshala okanye abazali. Olu luhlu lucwangciswe kwakho ngokuhambelana nexesha ekufuneka zikhutshwe ngalo. Amanani neentlobo zeefomu zixhomekeke kubukhulu nakuhlobo lwesikolo olungiselela ulonyulo lwaso ( jonga kumaphepha 15, 45 nelama-48).
Uluhlu lwedayari lubhekiselele kwezi fomu ngokwenani.
UMQONDISO:
Uluhlu lweefomu
Unyulo lweBhunga eliMele abaFundi
RCL 2 = Amaphepha okuvota eklasi oMmeli kwiRCL - isikolo ekufunda amantombazana namakhwenkwe nesikolo esinesini esinye
RCL 4 = Ifomu yeziphumo zeKomiti eLawulayo
E1= Isaziso sentlanganiso yokumiswa noluhlu lwabavoti lamalungu angootitshala
E3= Iphepha lokuvota lokonyula amalungu angootitshala kwisikolo samabanga aphantsi esinabafundi abangaphantsi kwe-160
Unyulo lwamalungu angabazali
P1= Ifomu yokubhalisa abazali ababini kwirejista yabazali yesikolo
P2 = Isaziso sentlanganiso yokumiswa noluhlu lokonyulwa kwamalungu angabazali
P 3 = Ifomu yommeli kunyulo lwelungu elingumzali
P 5 = Iphepha lokuvotela amalungu angabazali besikolo samabanga asezantsi esinabafundi abangaphantsi kwe-160 ( iivoti ezine)
Iphepha lokuvotela amalungu angabazali besikolo samabanga asezantsi esinabafundi abaphakathi kwama-80 nama-719 ( iivoti ezintlanu)
Iphepha lokuvotela amalungu angabazali besikolo samabanga asezantsi esinabafundi abangama 720 nangaphezulu ( iivoti ezintandathu)
Iphepha lokuvotela amalungu angabazali besikolo samabanga aphakamileyo esinabafundi abangaphantsi kwama-80 ( iivoti ezintlanu)
Iphepha lokuvotela amalungu angabazali besikolo samabanga aphakamileyo esinabafundi abaphaklathi kwama-80 nama-719 ( iivoti ezisixhenxe)
Iphepha lokuvotela amalungu angabazali besikolo samabanga aphakamileyo esinabafundi abangama-720 nangaphezulu ( iivoti ezilithoba)
Ukugcina iirekhodi
B1 = inani neentlobo zamalungu eSGB namanani eefomu zokunxulumanisa uvoto
B2 = Uluhlu lwamagama abavoti abangabafundi
B3 = Uluhlu lwamagama abavoti aasisitafu esingafundisiyo
B5 uluhlu lwamagama abavoti abangabazali
B7= Amagama abalawuli abanyuliweyo besikolo
Ifomu zoku-odola
FOMU B1
Amanani neentlobo zamalungu kwiqela elilawula isikolo namanani efomu okunxulumanisa uvoto
Inqununu
Ootitshala
Abazali
Isitafu esingafundisiyo
Abafundi
Bebonke
Isikolo samabanga aphantsi esinabafundi abangaphantsi kwe-160
Ifomu yokuvota
Isikolo samabanga aphantsi esinabafundi abangama-720
Ifomu yokuvota
Isikolo samabanga aphakamileyo esinabafundi abangaphantsi kwama-630
Ifomu yokuvota
Isikolo esiphakamileyo esinabafundi abangama-630 okanye ngaphezulu
Ifomu yokuvota
Isikolo esibanzi okanye sisihlangeneyo esinabafundi abangaphantsi kwama-500
Ifomu yokuvota
Isikolo esibanzi okanye esihlangeneyo esinabafundi abangama-500 nangaphezulu
Ifomu yokuvota
Qaphela: Ukuba ngaba iqela elilawulayo lisebenza kwizikolo ezingaphezulu kwisnye inani labafundi lidibene bezikolo zozibini liya kusetyenziswa ekugqibeni inani lamalungu eqela elilawulayo. Ukuba ngaba isikolo asinalo ilungu lesitafu esingafundisiyo inani labazali abalawulayo liya kuncitshiswa ngesinye ( ngoko inani lilonke labalawuli liya kuncitshiswa ngesi-2).
Iintsuku ezicetyiswayo
Owakho umhla
NgoMvulo
Qinisekisa ukuba iifomu zokubhaliswa kwabazali ( P1) zikhutshiwe
NgolwesiBini
Qinisekisa ukuba inqununu inezaziso zentlanganiso yabazali ( P2) ezaneleyo ngomhla we-9
Qinisekisa ukuba intlanganiso yokumiswa/ yonyulo kwawo onke amalungu esitafu esingafundisiyo ( NT1) ibanjiwe ngomhla wama-28
Intlanganiso yokumiswa/yokonyulwa kwesitafu esingafundisiyo ( L1) ibanjwe ngomhla wama-30
NgoMvulo
UmPhathi woNyulo ufumana irejista yesitafu esingafundisiyo
NgolwesiBini
Intlanganiso yokumiswa/yonyulo lwesitafu esingafundisiyo. Isaziso sentlanganiso yesibini ( NT1) ukuba kuyimfuneko
Iveki yokonyulwa kootitshala
NgoMvulo
Intlanganiso yokumiswa/yokunyulwa kweetitshala. Isaziso sentlanganiso yesibini ( E1) ukuba kuyimfuneko
NgolwesiBini
Abafundi banikwa izaziso zentlanganiso yesibini yokumiswa/yokonyulwa kwabazali (P2) ukuba kuyimfuneko ngomhla we-9
UmPhathi woNyulo ufumana irejista yesikolo yabazali
Abafundi banikwa izaziso zentlanganiso yokumiswa/yokonyulwa yesitafu esingafundisiyo ukuba kuyimfuneko
Iveki yokonyulwa kwabazali
NgoMvulo
Intlanganiso yokumiswa/yokunyulwa kwabazali. Isaziso sentlanganiso yesibini ( P2) ukuba kuyimfuneko
NgolwesiBini
Abafundi banikwa izaziso zentlanganiso yesibini yokumiswa/yokonyulwa kwabazali (P2) ukuba kuyimfuneko
Intalnganiso yokumiswa/yokonyulwa kootitshala yesibini ukuba iyafuneka
NgoMvulo
NgolwesiBini
Intlanganiso yesibini yokumiswa/ yokonyulwa kwabazali ukuba kuyimfuneko
Iintsuku ezicetyiswayo
Owakho umhla
NgoMvulo
NgolwesiBini
Ukugcwalisa ifomu NT1 nokuyinikezela kuso sonke isitafu esingafundisiyo. Kufuneka kufumaneke iifomu NF1 ezaneleyo
NgoMvulo
Ukugcwalisa ifomu E1 ize inikwe zonke iititshala . kufuneka kufumaneke iifomu E2 ezaneleyo
NgolwesiBini
Ukukhangela ukumiswa kwesitafu esingafundisiyo kwirejista
NgoMvulo
NgolwesiBini
Ifomu P2. Qinisekisa ukuba ifomu P3 nefomu P 4 ziyafumaneka
Khangela iifomu P4 ngokwerejista yesikolo yabazali ngolwesiNe
Iveki yonyulo lwabazali
NgoMvulo
NgolwesiBini
Abafundi banikwa iifomu P2 zentlanganiso yesibini yokumiswa/yokonyula abazali ukuba kuyimfuneko
Iifomu E3, E4, okanye E5 noNF1. Fomu B2. Irejista yootitshala
NgoMvulo
NgolwesiBini
Xelela inqununu noMongameli weSithili ngamagama eqela elilawulayo- fomu B3
Faka onke amaphepha okuvota emvulophini, yivale uze uyinike umPhathi woNyulo wengingqi
Iifomu yoku-odola iifomu namphepha okuvota wonyulo lwamaQela alawula isiKolo.
Le fomu iya kukunceda ukuba umisele inani nohlobo lweefomu oza kuzifuna xa ubambe unyulo lweSGB. Ezi fomu zingafunyanwa kwi-ofisi yengingqi okanye ungenza iikopi zenani leefomu ozifunanayo.
Igama lenqununu... Umtyikityi...
Igama nedilesi yesikolo...
Ifomu
Inani
Ifomu ibe nye kumfundi ngamnye webanga lesi-8 okanye iklasi ingaphezulu
Ifomu zibe mbini kumfundi ngamnye webanga lesi-8 okanye iklasi ingaphezulu
Ifomu ibe nye kumfundi ngamnye webanga lesi-8 okanye iklasi ingaphezulu
Ifomu enye yenqununu , enye yomPhathi woNyulo, enye yeRCL
Enye kummeli ngamnye weklasi
Ifomu enye yenqununu , enye yomPhathi woNyulo, enye yeRCL
Icandelo 3- Isitafu esingafundisiyo
Ibe nye kwilungu ngalinye lesitafu esingafundisiyo
Kuphelele kumalungu ama-4 amiselweyo
Ibe nye kwilungu lesitafu esingafundisiyo
Icandelo 4 -Ootitshala
Ibe nye kutitshala ngamnye
Iphinde inani lootitshala abangabaphathi esikolweni sakho ( jonga B1)
Ibe nye kutitshala ngamnye
Icandelo 5 - Abazali
Inye kumfundi ngamnye
Inye kumfundi ngamnye
Malunga nama-20% lenani labafundi
Phinda inani labazali abangabaphathi besikolo sakho ( jonga B1)
Zimbini kumfundi ngamnye
Icandelo 6- ukugcina irekhodi
Enye yabafundi abali-15 bebanga lesi-8 nangaphezulu
Enye kubafundi abali-10 esikolweni
Enye yenqununu, enye yomPhathi woNyulo, enye kanobhala weSGB
Iimvulophu
Ibe nye kwibhokisi yonyulo nganye
Ukuqinisekisa ukuba iSekela lomPhathi woNyulo nabanye abancedisi bonyulo bakhethwe sisitafu.
Ukuqinisekisa ukuba irejista yabazali igcwaliswe ngokukhawuleza kwaye noluhlu lwabavoti babafundi, bootitshala nesitafu esingafundisiyo lunikwe umPhathi woNyulo okanye uTitshala onguMxulumanisi woTitshala ubuncinane kwiintsuku ezili-14 phambi kwentlanganiso yokumiswa.
Wenze uluhlu lwamagumbi aza kusetyenziselwa iintlanganiso zokumiswa nokunyulwa echaza nemihla ayinikwe ngumPhathi woNyulo. Aqinisekise ukuba kuyafikeleleka kula magumbi ngamaxesjha afunekayo kwaye amalungiselelo enziwe okuwazuza kude kuphele inkqubo yonyulo.
Ukwenza amalungiselelo afanelekileyo okukhanyisa okwexeshana ukuba oku kuya kufuneka kwiintlanganiso zokumiswa nezonyulo.
Ukuqinisekisa ukuba indlela yokugcina ukhuseleko yenziwe ukuba iceliwe,ukugcina zonke iirekhodi zonyulo zide zibe zinikwa umPhathi weSekethe ngumPhatho woNyulo.
Ukuqinisekisa ukuba amagumbi aza kusetyenziselwa iintlanganiso anebhodi kunye netdshokhwe, okanye iphepha elikhulu kunye nezixhobo zakubhala, kunye nezincamathelisi zokuncamathelisa iphepha edongeni.
Ukuqinisekisa ukuba iipeni ezzaneleyo zinokufumaneka ukugcwalisa iifomu zokonyulo kunyulo lwabazali.
Ukubonisa ifomu RCL 1 kwiklasi nganye kwiveki enye phambi konyulo.
Ukuqinisekisa ukuba ufumana irejista yesikolo enabafundi bonke.
Entlanganisweni ubhala amagama abagqatswa abamisiweyo ebhodini okanye kwitshati.
Ukuqinisekisa ukuba kukho iifomu zokuvota ezaneleyo ( RCL 2). Ukujonga umfundi ngokwerejista yeklasi phambi kokunikezela ngefomu yokuvota.
Ukususa onke amaphepha okuvota amoshakeleyo , aze abale iivoti.
Ukugcwalisa ifomu yokurekhodisha uvoto lweklasi ( RCL 3) aze achaze amagama/igama labanyulelwe ukumela.
Ukufaka zonke iivoti nefomu (RCL3 ) emvulophini ayiphawulileyo. Igama leklasi negama lesikolo aze ayinike inqununu. Abeke enye ikopi yefomu (RCL3) kwindawo ecacileyo eklasini.
Xa zonke iiklasi zonyule abameli gcwalisa iikopi ezimbini zefomu ( RCL6). Nika inqununu enye ikopi uze unike unobhala weRCL enye ikopi xa ethe wonyulwa.
Uluhlu olukhangelwa ngabaPhathi boNyulo kwiintalnganiso zokumiswa nezonyulo
Phambi kwentlanganiso nganye
Ukuqinisekisa ukuba zonke izaziso neefomu ezifanelekileyo zikhutshiwe ( jonga uluhlu lweefomu kumaphepha 40 nama-41 ale ncwadi).
Ukuqinisekisa ukuba zonke iirejista /uluhlu lwabavoti zenziwe kwauye ziyafumaneka kwintlanganiso.
Ukuqinisekisa ukuba zonke iifomu zokumiswa zigcwaliswe ngokufanelekileyo kwaye ngabantu abakwiirejista ezifanelekileyo.
Entlanganisweni
Qinisekisa ukuba uyalazisa ixesha lokumiswa kwintlanganiso yokumiswa/yokonyulwa.
Ekupheleni kokumiswa bhala ebhodini okanye kwitshati amagama abobonke abagqatswa abamiswe ngokwamkelekileyo.
Lungisa igumbi elilodwa lokuvotela ekususela kwintlanganiso yokumiswa. Eli gumbi kufuneka linesaziso apho bonke abagqatswa abamisiweyo babhalwe ngokwe-alfabhethi ( kunye neenombolo emacaleni kunyulo lwabazali). Isaziso kufuneka sichaze ukuba bangaphi abaphathi abonyulwayo.
Umzekelo
Aba bantu bamisiweyo balandelayo bamkelwe kwisithuba sabazali abangabaphathi. Uneevoti EZINE. Gcwalisa igama kunye/okanye inani lomgqatswa onqwenela ukumxhasa kwiphepha lakho lokuvota uze ufake iphepha lakho lokuvota kwenye yeebhokisi zokuvota.
Qinisekisa ukuba itafile ilungisiwe kwigumbi lokuvotela kwaye likho iSekela lomPhathi woNyulo oza kukhangela amagama abo banqwenela ukuvota ngokwerejista efanelekileyo.
Qinisekisa ukuba kukho iifomu zokuvota ezaneleyo ezifumanekayo kwaye sikho isitampu sesikolo kunye nomqamelwana wokufaka i-inki.
Qinisekisa yukuba iibhokisi zamaphepha okuvota zaanele , iitafile zokubhalela kunye namasiba okubhala kwindlu yokuvota. Iibhokisi zokuvota zingenziwa ngamaphepha amadala alahlwayo kwaye avalwe ngomphezulu wekhadibhodi ibe nomgxunya onobubanzi obaneleyo ukufaka iphepha lokuvota., okanye fotokopa iibhokisi zamaphepha. Qinisekisa ukuba iziphelo zinesitampu sesikolo kwaye nguwe kuphela oya kuyivula emva kokuba unyulo lugqityiwe.
UmPhathi woNyulo kufuneka ekhona kwigumbi ekuvotelwa kulo ngalo lonke ixesha.
Abagqatswa bangaba ngabaqapheli kwigumbi lokuvotela kuyo yonke inkqubo yonyulo.
Xa uvoto lugqityiwe umPhathi woNyuloneSekela lomPhathi woNyulo kufuneka bavule iibhokisi ezinamaphepha onyulo baze babale iivoti. Iivoti ezimoshakeleyo kufuneka bazikhuphe baze bazigcine zodwa. Amaphepha okuvota aya kuhlelwa ngokwemfumba yomgqatswa ngamnye aze abalwe. Ubalo kufuneka lurekhodishwe kwiFomu yokurekhodisha uvoto ( B6) kunye nenani lamaphepha okuvota amoshakeleyo. Oku kufuneka kudityaniswe kwaye kufuneka afikelele kwitotali efanayo nenani lamaphepha okuvota ebekhutshiwe.
Emva kokuba iivoti zibaliwe yazisa iziphumo. Emva koko qokelela zonke iifomu namaphepha okuvota asetyenzisiweyo kunyulo uze uwafake kwimvulophu yasemthethweni oynikiweyo. Vala imvulophu uze uqinisekise ukuba gcinwa kwindawo ekhuselekileyo ide ibe inikwa umPhathi woNyulo wengingqi okanye umPhathi weSekethe ngokwezicwangciso.
Emva kwentlanganiso
Xa lonke unyulo lwenzekile zonke iimvulophu kufuneka ziqoekelwe nguMphathi weSekethe aze azinike umPhathi woNyulo lweNgingqi.
Ikopi egcwalisiweyo yeFomu B7 ' Amagama abalawuli besikolo' kufuneka iithunyelwe kumPhathi woNyulo wePhondo.
Ikopi egcwalisiweyo yeFomu B7 ' Amagama abalawuli besikolo' kufuneka inikwe inqununu kunye neerejista.
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Igama okanye inombolo yeklasi ...
Unyulo LWAMALUNGU EBHUNGA ELIMELE ABAFUNDI
Umhla... Ixesha...
Iklasi inganyula abameli ababini okanye omnye ( susa leyo ingasebenziyo) kwiRCL. Unyulo luya kwenziwa ngamaphepha okuvota kwaye wonke umfundi kufuneka avotele ummeli omnye kule klasi.
Abantu abamiselwe ukumela bangachazwa ngomlomo entlanganisweni kwaye kufuneka baxhaswe aze umntu omisiweyo avume ukuba kwRCL.
IGAMA LOMPHATHI WONYULO:...
UMTYIKITYI:...
UMHLA:
Isitampu sesikolo
Liyintoni iBhunga eliMele abaFundi okanye ummeli womfundi kwibhunga?
UmThetho weziKolo zoMzantsi Afrika ubalula ukusekwa kweRCL kuzo zonke izikolo ezinebanga lesi-8 ngangaphezulu. IRCL liqela elisemthethweni elimele bonke abafundi kwisikolo esinamabanga aphakamileyo. Iqulathe amalungu abafundi abakhethwe ngokwedemokrasi kwiklasi nganye esikolweni kwaye abamele iimbono zabafundi ngokuphathelele kwiingqiqo zemfundo yabo.
Isikolo esishukumayo esinika umgangatho wemfundo sixhomekeke ekuthabatheni inxaxheba okukhutheleyo kwabafundi abanegalelo ekuphuhliseni ummandla olungele ukufunda nokufundisa okunentsingiselo.
Ukwakha umanyano phakathi kwabafundi;
Ukulungisa izidingo zabafundi;
Ukugcina abafundi benolwazi ngeziganeko kuluntu lwesikolo;
Ukukhuthaza ukuphuhlisa ulwalamano olululo nabafundi noluntu lwesikolo;
Ukwazisa izidingo zeqela labafundi ngamameli babo kwiqela elilawula isikolo nokuncedisa iqela elilawula isikolo ekwenzeni imisebenzi yalo;
Ukuphuhlisa imvumelwano yomthetho wokuziphatha kwabafundi esikolweni kunye neqela lelilawula isikolo.
Minyaka yonke abafundi abenza ibanga lesi-8 nangaphezulu baya kubamba unyulo lweRCL.
Wonke umfundi unelungelo lokuvota.
Iklasi nganye yonyula abameli ababini ( owesidoda nowesifazana) okanye abe mnye kwizikolo ezinesini esinye
UTitshala woMxulumaniwi wooTitshala unoxanduva lokubamba olu nyulo.
Ukumiselwa kungenziwa ngomlomo okanye kubhalwe nangona unyulo kufuneka lwenziwe ngamaphepha okuvota.
Amalungu anyulelwe kwiRCL enziwe ngabameli beeklasi aya kuvotela iKomiti yoLawulo lweRCL. Usihlalo nonobhala baba ngamalungu eQela elilawula isiKolo ngokuzenzekelayo. Ukuba ilungu lesithathu liyafuneka iKomiti eLawulayo iya kumisa ilungu elongezelelweyo.
IFOMU YOKUVOTA
Yokonyula ABAMELI BEKLASI kwiBhunga eliMele abaFundi
UmPhathi woNyulo kufuneka lenze uluhlu lwamagama abafundi abamisiweyo baze baxele ukuba uza kuba neevoti ezingaphi.
Bhala kwisithuba esingezantsi igama lomfundi onqwenela ukuba ngummeli kwiBhunga eliMele abaFundi besi sikolo.
Izikolo ezinesini esinye zineVOTI ENYE
Izikolo ezinamantombazana namakhwenkwe ziNEEVOTI EZIMBINI
Ummeli oyindoda omnye nommeli omnye ongowsifazana
IGAMA
Isitampu sesikolo
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Iziphumo zonyulo LWABAMELI BEKLASI KwiBhunga labameli
Igama leklasi okanye inombolo...
AMAGAMA ABAGQATSWA
INANI LEEVOTI
Lo mfundi/abafundi abalandelayo bonyulwe njengabameli/njengommeli:
IGAMA NOTYIKITYO LOMPHATHI WONYULO:
UMHLA...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Iziphumo zonyulo lweKOMITI YOLAWULO kwiRCL
UMHLA...
UMONGAMELI...
ISEKELA LIKAMONGAMELI...
UNOBHALA...
ISEKELA LIKANOBHALA...
UNONDYEBO...
IGAMA LOMPHATHI WONYULO...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Yeyonyulo lweLUNGU LWEKOMITI YOLAWULO KWIRCL
UMHLA...
UKUMISELWA KWEZI ZITHUBA ZILANDELAYO
Yenza isangqa kwisithuba esifanelekileyo
UMONGAMELI
ISEKELA LIKAMONGAMELI
UNOBHALA
ISEKELA LIKANOBHALA
UNONDYEBO
Ndiyavuma ukuba donyulelwe esi sithuba singentla ( tyikitya)
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Amalungu onyuliweyo EBHUNGA ELIMELE ABAFUNDI
Aba bafundi balandelayo bakhethwe njengabameli kwiBhunga eliMele abaFundi:
IGAMA
UKUNYULWA
IKLASI
IGAMA NOKUTYIKITYWA NGUMPHATHI WONYULO
UMHLA ...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Isaziso sentlanganiso yokumiswa noluhlu lwabavoti lokonyulwayo KWELUNGU LESITAFU ESINGAFUNDISIYO kwiQela eliLawula isiKolo
Intlanganiso yokumiswa yokonyulwa kwesitafu esingafundisiyo njengelungu leQela eliLawula isiKolo iya kubanjwa:
E... ( indawo)
Umgqatswa angamiselwa ngeendlela ezimbini:
a ngokugcwalisa ifomu NF1 yokumiswa onokuthi uyifumane kumPhathi woNyulo uze uyibuyisele kumPhathi woNyulo kungabi ngaphantsi kwemini enye phambi kokumiswa; okanye b ngokuceba ilungu lesitafu esingafundisiyo njengelungu ngexesha lentlanganiso yokumiswa, ngaphandle kokuba elinye ilungu lesitafu esigafundisiyo likho ukuxhasa ukumiswa kwaye ligcwalise ifomu yokumiswa aze ayingenise kumPhathi woNyulo kwixesha lentlanganiso yokumiswa evunyelwe le njongo.
Ukuba kumiselwe abagqatswa abangaphezulu kwesinye unyulo luya kubanjwa
E... ( indawo)
Umhla wokukhutshwa kwesaziso...
Ukutyikitywa ngumPhathi woNyulo...
Idilesi yomPhathi woNyulo...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Igama lesikolo: ...
Abazali
Ootitshala
Isitafu esingafundisiyo
Abafundi bonisa ngolu phawu X
Umhla wokumiselwa:...
Igama lomntu omiswayo:...
Igama lomcebi: ...
Igama lomxhasi: ...
Yamkelwe ngumntu omisiweyo Mna igama lomiselwayo...
Ndiyavuma ukusebenza njengommeli ( ilungu)
kwiqela elilawulayo kwaye ndiziqonda zonke iimfanelo ezihambisana nolonyulo olulindelekileyo lwam.
Ukutyikitywa ngumntu omiselwayo: ...
Ukuqinisekiswa ukuba ululungelo unyulo ngumphathi wonyulo: ( Igama)...
Ukutyikitywa ngumphathi wonyulo: ...
IFOMU YOKUVOTA
UmPhathi woNyulo kufuneka lenze uluhlu lwamagama amalungu esitafu esingafundisiyo kunye neenombolo ecaleni kwegama ngalinye.
Bhala kwisithuba esingezantsi igama kunye/okanye inombolo yelungu lesitafu esingafundisiyo esinqwenela ukuba ngummeli kwiQela eliLawulayo kwesi sikolo.
Unevoti enye kuphela
IGAMA INOMBOLO YOMNTU OMISELWAYO
Isitampu sesikolo
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Isaziso sentlanganiso yokumiswa noluhlu lwabavoti lokonyulwayo KWAMALUNGU OOTITSHALA kwiQela eliLawula isiKolo
Igama lesikolo...
Intlanganiso yokumiswa yokonyulwa kootitshala njengamalungu lQela eliLawula isiKolo iya kubanjwa:
E... ( indawo)
Umgqatswa angamiselwa ngeendlela ezimbini:
c ngokugcwalisa ifomu NF1 yokumiswa onokuthi uyifumane kumPhathi woNyulo uze uyibuyisele kumPhathi woNyulo kungabi ngaphantsi kwemini enye phambi kokumiswa; okanye d ngokuceba ilungu lesitafu esingafundisiyo njengelungu ngexesha lentlanganiso yokumiswa, ngaphandle kokuba omnye utitshala ukho ukuxhasa ukumiswa kwaye agcwalise ifomu yokumiswa aze ayingenise kumPhathi woNyulo kwixesha lentlanganiso yokumiswa evunyelwe le njongo.
Ukuba kumiselwe abagqatswa abangaphezulu kwesinye unyulo luya kubanjwa
E... ( indawo)
Umhla wokukhutshwa kwesaziso...
Ukutyikitywa ngumPhathi woNyulo...
Idilesi yomPhathi woNyulo...
IFOMU YOKUVOTA
Yokonyula AMALUNGU OOTITSHALA kwiQela eliLawula isiKolo
UmPhathi woNyulo kufuneka lenze uluhlu lwamagama amalungu ootitshala abamisiweyo nokokuba zingaphi iivoti onazo.
Bhala kwisithuba igama lalowo umnqwenela ukuba abe ngummeli kwiQela eliLawulayo kwesi sikolo.
UNEEVOTI EZI
IGAMA
Isitampu sesikolo
IFOMU YOKUBHALISA ABAZALI
Ukuze kunyulwe amalungu abazali kwiQela eliLawula isiKolo kufuneka kulungiswe irejista yabazali abanelungelo lokuvota abanafundi ababhalise esikolweni ngokusemthethweni.. le rejista iya kwenza uluhlu lokuvota.
Ukuba " ngumzali" kuthetha:
Umzali okanye umondli womfundi
Umntu onelungelo ngokwasemthethweni ukuba agcine umfundi
Umntu owenza indima yomzali okanye umgcini ngokuphathelele kwimfundo yomfundi esikolweni.
Babini kuphela abazali baye nawuphi umfundi abanelungelo lokuvota
Khawugqibezele le fomu uze uyibuyisele kwiNqununu yesikolo ngokukhawuleza. Ukuba ngaba awukho kwirejista yesikolo awusayi kuba nakho ukuvota okanye ukonyulwa njengomphathi wesikolo.
IGAMA LESIKOLO...
IGAMA LOMFUNDI...
IGAMA LOMZALI ...
IDILESI YOMZALI ( 1) ...
UKUTYIKITYWA NGUMZALI ( 1)...
IGAMA LOMZALI ( 2) ...
IDILESI YOMZALI ( 2) ...
UKUTYIKITYWA NGUMZALI ( 2) ...
UMHLA ...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
Isaziso sentlanganiso yokumiswa noluhlu lwabavoti lokonyulwayo KWAMALUNGU ABAZALI kwiQela eliLawula isiKolo
Intlanganiso yokumiswa yokonyulwa kootitshala njengamalungu lQela eliLawula isiKolo iya kubanjwa:
E... ( indawo)
Umgqatswa angamiselwa ngeendlela ezimbini:
e ngokugcwalisa ifomu NF1 yokumiswa onokuthi uyifumane kumPhathi woNyulo uze uyibuyisele kumPhathi woNyulo kungabi ngaphantsi kwemini enye phambi kokumiswa; okanye f ngokuceba umzali njengelungu ngexesha lentlanganiso yokumiswa, ngaphandle kokuba omnye umzali ukho ukuxhasa ukumiswa kwaye agcwalise ifomu yokumiswa NF1 aze ayingenise kumPhathi woNyulo kwixesha lentlanganiso yokumiswa evunyelwe le njongo.
Ukuba kumiselwe abagqatswa abangaphezulu kwesinye unyulo luya kubanjwa
E... ( indawo)
Umhla wokukhutshwa kwesaziso...
Ukutyikitywa ngumPhathi woNyulo...
Idilesi yomPhathi woNyulo...
Ukuba awukwazi kuya entlanganisweni ungonyula omnye umzali womfundi esikolweni ukuba akuvotele. Lo mntu ubizwa ngokuba ngumvoti ongummeli. IFomu (P3) yokuvota yommeli ifunyanwa kumPhathi woNyulo. Kufuneka igcwaliswe kwaye ithathwe ngumvoti ongummeli ayinike umPhathi woNyulo entlanganisweni.
Umvoti ongummeli unelungelo lokuvotela abanye abazali ababini.
Izaliswa ngumPhathi woNyulo
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
IFOMU YOMVOTI ONGUMMELI
Yokonyula ILUNGU ELINGUMZALI kwiQela eliLawula isiKolo
UMHLA: ...
IGAMA LOMZALI ...
IDILESI YOMZALI...
Ndinyule lo mzali olandelayo ukuba abe ngummeli wam ekuvoteleni umphathi wesikolo
IGAMA LOMVOTI ONGUMMELI...
IDILESI YOMVOTI ONGUMMELI...
Le fomu kufuneka inikwe umPhathi woNyulo ngumvoti ongummeli kubusuku bokuvota ukwenzela ukuba afumane ifomu yovoto. Umvoti ongummeli kufuneka abe ukho kwirejista yesikolo. Umvoti ongummeli kufuneka aqinisekise ukuba banazo izinto abanokuchongwa ngazo ngumPhathi woNyulo.
Eli candelo kufuneka ligcwaliswe ngumPhathi woNyulo.
Qwalasela ukuba umntu ocela ifomu yokuvota ngumntu onyulwe ngentla njengomvoti ongummeli. Faka uphawu olufanelekileyo kwibhokisi engezantsi
Izizathu zokungakhutshwa kwefomu yokuvota...
Igama lomPhathi woNyulo...
Ukutyikitywa ngumPhathi woNyulo...
IFOMU YOKUVOTA
Yokonyula AMALUNGU ABAZALI kwiQela eliLawula isiKolo
UmPhathi woNyulo kufuneka lenze uluhlu lwamagama amalungu abazali ( kunye nenombolo ecaleni kwegama ngalinye) uze ubonise ukuba zingaphi iivoti onazo.
Bhala kwisithuba igama kunye/okanye inombolo yomzali/yabazali onqwenela ukuba abe ngummeli kwiQela eliLawulayo kwesi sikolo.
UNEEVOTI EZI
Isitampu sesikolo
ISITHILI: ...INGINGQI: ...ISEKETHE: ...ISIKOLO: ...
IGAMA LEKLASI: ...
ULUHLU LWABAVOTI BABAFUNDI
Igama lomfundi
Inombolo yolwamkelo
Idilesi yendawo ahlala kuyo
Idilesi yeposi
Ukutyikitywa ngumvoti
IDILESI YESIKOLO...
ISITHILI: ...INGINGQI: ...ISEKETHE: ...ISIKOLO: ...
IGAMA LEKLASI: ...
Igama lomfundi
Inombolo yolwamkelo
Idilesi yendawo ahlala kuyo
Idilesi yeposi
Ukutyikitywa ngumvoti
IDILESI YESIKOLO...
ISITHILI: ...INGINGQI: ...ISEKETHE: ...ISIKOLO: ...
IGAMA LEKLASI: ...
ULUHLU LWABAVOTI LOOTITSHALA
Igama lomfundi
Inombolo yolwamkelo
Idilesi yendawo ahlala kuyo
Idilesi yeposi
Ukutyikitywa ngumvoti
IDILESI YESIKOLO...
ISITHILI: ...INGINGQI: ...ISEKETHE: ...ISIKOLO: ...
IGAMA LEKLASI: ...
ULUHLU LWABAVOTI LWABAZALI
Igama lomfundi
Inombolo yolwamkelo
Idilesi yendawo ahlala kuyo
Idilesi yeposi
Ukutyikitywa ngumvoti
IDILESI YESIKOLO...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
IFOMU YOKUREKHODISHA UVOTO yonyulo lweQela eliLawula isikolo
UMHLA...
Iziphumo zonyulo lwabazali/ lootitshala/ lomfundi/ lesitafu esingafundisiyo ( Cima apho ingasebenzi khona) lubanjwe nge ( umhla) ...
IGAMA
Inani LEEVOTI
INANI LEEVOTI XA ZIZONKE...
IGAMA NOKUTYIKITYWA NGUMPHATHI WONYULO...
Isithili...
Ingingqi...
Isekethe...
Isikolo...
Idilesi yesikolo...
AMAGAMA ANYULIWEYO ABAPHATHI BESIKOLO
UMHLA...
INQUNUNU...
AMAGAMA NEEDILESI ZAMALUNGU ANGABAZALI
AMAGAMA NEEDILESI ZAMALUNGU ANGOOTITSHALA
IGAMA NEDILESI YELUNGU ELISISITAFU ESINGAFUNDISIYO
IGAMA LOMPHATHI WONYULO...
UKUTYIKITYWA NGUMPHATHI WONYULO...
Iinkcazelo ( r1)
Kule mimiselo, ngaphandle kwenye imeko echazwayo ingingqi enikezelayo" yingingqi yejografi emiselwe yiNtloko yeSebe ngeenjongo zokwamkela abafundi esikolweni.
isikolo esihlangeneyo" sisikolo sikawonke-wonke esibonelela ngemfundo kumabanga aphantsi kwesigaba esisiseko, isigaba esiphakathi nesigaba esiphakamileyo sekharityhulamu.
ilungu elingutitshala" ngutitshala oqeshwe kwisiko sikawonke-wonke okhethe ukuba abe kwiqela elilawula isikolo ngokuphathelele kule mimiselo.
ilungu elingumfundi" ngumfundi obhalise ngokusesikweni kwisikolo sikawonke-wonke okhethelwe ukuba kwiqela elilawula isikolo ngokuphathelele kule mimiselo.
ilungu" lilungu leqela elilawulayo elikhethwe ngokuphathelele kule mimiselo.
ifomu yokumiswa" yifomu yokumiswa/yokumiselwa kwisiHlomelo 2.
ilungu lesitafu elingafundisiyo" ngumntu ngaphandle kotitshala oqeshwe kwisikolo sikawonke-wonke lisebe lemfundo onyulelwe ukuba kwiqela elilawula isikolo ngokuphathelele kule mimiselo.
isikolo esiqhelekileyo" sisikolo sikawonke-wonke ingesiso isikolo sikawonke-wonke esinabafundi abanezidingo ezithile zemfundo.
umzali" ngumntu ophumelelisa izibophelelo zomzali okanye umondli kwaye onemfanelo kwimfundo yomfundi okwisikolo sikawonke-wonke.
isikolo samabanga aphantsi" sisikolo sikawonke-wonke esibonelela ngemfundo kwisigaba esisiseko nakwisigaba esiphakathi ( AmaBanga ukusuka kuLwamkelo ukuya kwiBanga lesi-6) ekharityhulamu kunye neBanga lesi-7 kwisigaba esiphakamileyo.
isikolo samabanga aphakamileyo" siskolo sikawonke-wonke esibonelela ngemfundo ukusuka kwibanga lesibhozo ukuya kutsho kwibanga leshumi elinesibini.
iBhunga eliMele abaFundi" liBhunga eliMele abaFundi elonyulwe ngokuphathelele kumgaqo- siseko elonelisa ubuncinane beemfuno ezimiselwe liLungu leKomti eLawulayo ngesaziso kwiGazette yePhondo.
ISEBE LEMFUNDO
UmThetho weziKolo zoMzantsi Afrika wenza malungiselelo okuba iqela elilawulayo lisekwe kuzo zonke izikolo zikawonke-wonke kuMzantsi Afrika uphela.
IsiKhokelo sokuSeka amaQela aLawula iziKolo simisela imimiselo neenkqubo ngokunxulumene kukusekwa kwamaqela alawulayo kwizikolo eziqhelekileyo kwiPhondo lasemNtla Koloni.
Yenzelwe ukusetyenziswa njengesalathisi nomthombo wokonyula amaqela alawula izikolo.
Le ncwadi yahlulwe yaba ngamacandelo amane:
Intshayelelo ichaza indima yomPhathi woNyulo yokuseka amaqela alawula isikolo.
ICandelo lokuQala lichaza ubulungu, injongo, imisebenzi neemfanelo zeqela elilawula isikolo.
ICandelo lesiBini lichaza iinkqubo zokumiswa nokonyula amalungu eqela elilawula isikolo.
ICandelo lesiThathu linika izikhokelo ezisebenzayo zokubamba unyulo kwaye linika zonke izaziso neefomu ezifunekayo kwezi nkqubo.
Ulawulo lwesikolo - umNtla Koloni
